Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu tata, ndiphupha ndikumzi katata wokuqala engekohlukani nomama, ingati ndibalekele khona kuba ndixabene nosisi wam omdala xa ndibaleka ndibuyela kumzi kamama awakhe emva kokuba bohlukene notata ndibona ilali igutyingelwe lulwandle amanzi ekho naphakati kwezindlu ingati kukho izitya ezinokutya kwamazimba kodwa azimki ingati  wonkumntu ubukele mna ndimangalisiwe ndoyika lombono wamanzi kodwa awemkisi mntu nto nje kubukelwe nosisi wam lo bendimbaleka ukhona ubukele.

IMPENDULO: Camagu. Masiqale ekubeni wena ungumntu omhlophe okanye ekumele ukuba ligqirha kwaye eso sipho sisuka kwiintsapho zakho zombini kwicala likamama nelika tata. Ngoko ke kufuneka nokuba wenzani ungayenzi impazamo yokuwacalula lamakhaya khona ukuze uzokuphila.

IPHUPHA: Molo mphilisi ndicela ubuza ndphupha kukho umama obuza ndfuna ndbenguban gama lomzi ndmxwlele ndbone ngam sendnxibe amadakhi brown ntloko ndabe ndngathwelanga.

IMPENDULO: Eli phupha alikho libi njengoko uninzi lunokucinga njalo kumaphupha angabatshakazi okanye oomakoti. Wena ubunxityiswa apho ke ndixinga khona nebe kuzakuba luncedo yindawo apho yenzeka khona yonke lento. Kodwa ke malingakuxhalabisi ukuba lowo ukunxibisayo lilungu losapho oko kungathetha okuhle kodwa kodwa ukuba lutshaba okanye umntu ongamaziyo kungatsho okubi.

IPHUPHA: Camagu tata, mna ndimana ndiphupha ndisoluswa ndingumkhwetha ndisebhumeni, ndikotile mhlophe,noxa kudala ndoluka.ingaba lifuna ndenzeni bawo eliphupha cela uncedo?

IMPENDULO: Camagu. Ukuphupha ungumkhwetha kutsho intwaso.

IPHUPHA: Sawubona makhosi bengicela ukucazelwa iphupho Eli ngiphuphe I Kati ezimbili encane nenkulu zilemibala emhlope lenyama sizazilwa Nami kodwa ngizinqobe ngomthandazo.

IMPENDULO: Makhosi. Kumnandi ukuthi uwuphumelelo umlo lowo kuba kutsho ukuthi uneentshaba ezininzi kodwa amandla eDlozi nomthandazo ayakusindisa.

IPHUPHA: Molo tata ndiphupha ndiculelwa ziinkumbi Kodwa ke zijike ibeeziinyosi ndithi xandizongena egatini ekhaya zindingqonge zicule eliculo ayililo lecawe ayililo nelokombela but ndiphela ndilazi nam belimandi kodwa lona kuthe kubenjalo zasuke zahamba ndithendisa zijongile zihamba njalo kwasekuvakala iintsholo yeentaka zafika ezintaka zahla esandleni SAM sase ryt zantyiloza zasuka zemka nazo ndaguqa ngamadolo ndabulela ndizinqula.

IMPENDULO: Camagu. Sukonela kukubulela nje ephupheni yenza ke nomcinjana khona ukuze loomathamsanqa aziswe kuwe uwafumane ngaphandle kwimiqathango.

IPHUPHA: Camagu tata.  Ndifuna ubuza, xa uphupha inyoka ngathi iineentloko ezimbini futhi ndiyaya kuzo ndiziqwalaselee zikguphe ulwimi, kodwa zingandenzinto.  Noxa kunjalo, ngathi ziphezu kwebhedi.  Ndithe ndisajongile, zabhijelana phezukwebhedi, ngathi ziyalwa, zisongene neath zibomvu. Ukanti kwiintsuku ezingaphambili, ndiphuphe iinyoka examining ezifanayo ziphuma emhlabeni. Kuyo yonke loo nto kube nomlo, kwalapha ngathi ndilandela emva koo tatomncinci kamama emva kobuhlanti?

IMPENDULO: Camagu. Lungisa apho ukhoyo kuba akuhlambulukanga.

IPHUPHA: Ndiphupha umntu ongutata ume ngasebuhlanti nomntu ongumama endiye ndakrokrela ukuba ngu sister wakhe lo tata ndifike ndema phambi kwakhe ndithwele into engathi yi-emera yamanzi wandothula yona wayibeka phantsi khawundichazele.

IMPENDULO: Camagu. Yenza imisebenzi yekhaya, kwaye kuyacaca ukuba owona msebenzi uza ngamandla ngonomlambo phakathi. Zama ke ke ukhe utyelele ooSiyazi khona ukuze bazokuhlahlela indlela.

IPHUPHA: Molo tata cela ubuza xa usoloko uphupha uleqwa nganzi olwandle oko, okanye uphuphe uleqwa usuke ubhabhe?

IMPENDULO: Camagu. Kaloku ulwandlwe kuthi bantsundu luphawo lohlaziyeko ngokomoya sibuye sikholelwe ekubeni pha ngaphakathi kulo kukho izihluma manzini ezilikhubalo kuthi, ukanti nalapho ayiphelelanga apho kuba ngaphantsi phaya kuyaphilwa. Xa kengoko kukho iphupha elikumila kunje sukube libonisa isikhalo kwabo bantu baphaya elwandle, okanye ukungoneliseki kwabo yimeko ethile kuqukwa ukutshikilelwa kwezinto ezingamasiko nezithethe kuthi. Ngamanye amaxesha iphupha elinje liye livele ngamandla kwabo babaleka iintwaso. Ze ukuleqwa kuchaze ukuba kukho iintshaba kodwa ke xa ubhabha kutsho azikufumani.