Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu ndiye ndaphupha sihleli kwenye indlu kushushuphandle en ingca inobudana,kukho lobhuti phandle asibize sisendlini abuze ayonyoka na le ndithi mna yiyo ayibethe ngesihlangu,ndingene endlini ndafumana iqgudu ndayibetha kusenjalo kwathi qgi amantshontsho  Abe ebaleka engceni ndawo ndiwabethe bt awade afe kuthekusenjalo lamatshontsho enyoka alwa kwawodwa ndiwabethe ndisawabetha njalo suka azohlala phezukonywa bt awanditya ndabendiwabetha qha Ade afa plus nale ibinkulu
 
IMPENDULO: Camagu. Kukhangeleka ngokungathi kukho impixano okanye iziinto eziliqela ezibhekisele kuwe malunga nobomi bakho. Iphupha libonisa ukuba kunezinto ezingumceli-mngeni ojongene nazo nezibangelwa zimeko zangabom, kkungoko kufuneka uthabathe amalungiselelo ukulungisa iizinto zakho ingakumbi imiba yempilo. Chosi.
 
IPHUPHA: Molo tata: Tata ndicela undincede kweliphupha ndiphupha ingathi sisendlini kukho abantu abaninzi kodwa akukho nto, ndithe ndisamile ndijonge emnyango ndabona umfana ongumeza wam awaswelekayo ephethe ipesi,ndiye ndaxelela abantu aphendlini kwathiwa mandimbize ndambiza weza wafika wahlala aphendlini wsthethiswa ke nangona ndizilibele nje ezizinto ebezithetha kuthe,kuthe kusenjalo wafunuhamba wabanjwa kusithiwa makangahambi bayebajijisana ke apho bekukho nomama wam ongasekhoyo,umama uye wandikhwaza wathi mandize nesipeleti kukho into azoyisusa kulomfana azotsho ayeke ukufuna uhamba ndamnikake,into endiye ndayiqaphela ngk bajijisanayo uye wajika lamfana wayintombi.ndothuke apho ke.ENKOSI
 
IMPENDULO: Iphupha lakho lihlanganisa iizinto ezininzi eziquka iimimoya engendawo, ingcebiso yam kuwe kukuba ufune uncedo ukususa lomimoya. Chosi!

IPHUPHA: Molo tata. Ndimane ndiphupha into enye qho. Ndam’passa ngo 2011 umatric kodwa ndiphupha ungathi ndikwa matric ndizo bhala ifinal exam. Qho xa ndiyphupha lento soloko ndingazi miselanga ubhala. Ungathi akhonto endiyaziyo. Andikho prepared. Xa ndivuka kuske kubengathi iyenzeka nyani lento ndibene ntliziyo ebuhlungu. Enye into, ndiye ndiphuphe kungena umntu endlini ozenza umhlobo kodwa ndibe ndimazi mna uba ngumoya omdaka. Omnye wangena etshayela enga funi uphuma. Ndicela undi ncede tata. Enkosi.
 
IMPENDULO: Camagu. Iphupha elinje livamise ukugqama kakhulu kubantu abanobizo babe bebaleka bengafuni ukwamnkela isiphiwo eso. Kuyayacaca futhi ngokwamanye amaphupha la ukuba eneneni wena unayo intsobi yobugqirha. Zama ke ukhe ubonisane nabantu bekhaya ngalenyewe ukuze ube nakho ukufumana isisombululo. Chosi.

IPHUPHA: Hi ndiguNolusindiso ndihlelinje ndiphupha ndibethwa ngumbane oko kungathi kuyaduduma kubaneke phambi kweenyawo zam, nosoloko ndiphupha ndinento apha esiswini Sam ibe ngathi izakundivala umphefumlo,iyandoyikisa loto.
 
IMPENDULO: Imeko yakho imaxongo kakhulu. Zama ukufumana uncedo ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza. NdiseGonubie. Ndiphuphe ndikhapha itshomi yam isiya exhweleni qha khange ndive ukuba ufike wathini ndimbone ethambisa into ebusweni nasentloko saphuma sahamba apha edlelen ndiye ndafuna uqwalasela indlela xa ndiphinda ndizizela ndothuka.
 
IMPENDULO: Iphupha elo liqulathe isilumnkiso kuwe. Zawa ke ngoku ukuzikhwebula kwezinye iindlela zakho ingakumbi kubahlobo abangalunganga.

IPHUPHA: Ndinesicelo ngokuchazelwa ngephupho. Apha kusasa nje ndivuka nephupha apho ndibona umntu oncedayo endandikhe ndaya kuye. Ndiphupha ndimbona ngathi ukhulelwe kodwa ngokweminyaka sele emdala. Ndide ndabe ndiyayikhuza lento apha ephupheni. Ndicela undihlalutyele eliphupha.
 
IMPENDULO: Ukukhulelwa ephupheni kuchaza isiqalo sobomi obutsha okanye ukungena kwisigaba esithile sobomi. Xa wena uphuphela omye umntu kutsho ukuthi iindlela zalomntu zintle kwaye kuza iizinto ezintle kuyo.
IPHUPHA: Mandizibulisele. Udade wethu uthi unephupha elimzikizileyo, uthi ufikelwa ngumama wethu ongasekhoyo umbuza uba umshiyelani umntwana wam emlanjeni akawuboni na ba umalmbo ugcwele umntwana uzotshona. Ndincede ngeliphupha uba inoba lithetha ntono.
 
IMPENDULO: Ngokwesintu umlambo kulapho kufumaneko khona iimpilo ikwayindawo leyo kunqulwa kuyo kwimisebenzi emininzi ethi yenziwe kumakhaya aliqela. Kuyacaca kanjalo ke ukuti nina ekhayeni lenu ningabantu abamhlophe ingalumbi wena ubalasele, ingxaki kukungafuni ukuyamnkela lonto. Ngoku iphupha eli livela njengesilumnkiso ukuba xa ungade uyenze lonto umnwe uzakukhomba kwinzala yakho.
IPHUPHA: Camagu! Ndiphupha ndibhaqa myeni wam ezokuzixhoma apha ndlini, abenomsindo xandibuza wenzani aqhubeke efuna kuzixhoma, de ndixelele bantwana abothuswe yingxolo….ndothuka.
 
IMPENDULO: Umtshato wenu uthi mbe zizibopho okanye imimoya yabengadawo nabangafuni kqubela phambili kuni. Zamani ukufuna uncedo kungekonakali.

IPHUPHA: Ndazibulisela nam ngale ntsasa,ndinamaphupha andihluphayo angavumiyo ukusuka engqondweni,elokuqa ndiphuphe umama onxibe isambatho esimhlophe uqabe into emhlophe ebusweni,kwathi kusenjalo kwathi gqi onxibe ilokhwe emnyama umnqa lelokhwe ayigqumanga ilungu eli langasese uqabe mnyama umzimba lo wonke wana machokoza abomvu,elinye ingathi ndihleli kungene abantwana amanxibe impahla ezimhlophe ndithi ndisabanjonge ndinjalo beze amabini bandijikeleze,ndiphinde ndaphuma ndileqwa ngamadoda amabini ndabaleka ker ndayokuzimela engceni engasemfuleni bathe bakugqith ndaphakama kuthe kusenjalo kwathi gqi inkomo ezimbini zandileqa kanobom.

IMPENDULO: Camagu. Wena ufunyenwe yikenkqe. Isisombululo ke kukukhangela ukuba ingaba inkenkqe leyo ikumila kunjani wandule ke wenze ngokomyalelo wabo baukhethileyo. Khumbula ukudelela lo myalezo kunganemiphumela emibi kakhulu.

 

 

Camagu tata ndingu Portia ku’koma ndicela ubuza xana uphupha ndihlaba abantu ngomkhonto lithetha ukuthin elipupa.
 

Camagu. Umkhonto lowo ufuneka kumcimbi wekhaya ekufuneka wenziwe nokuba ngowenkomo okanye ibhokwe. Xa ningade niwenze azakuxhaphaka rhoqo amaphupha akumila kunje.

 

 

 

Xa ndiphupha indlu igcwele amasele uthetha ukuthini loonto kwaye Mhakhulu namancinci.
 

Camagu. Kutsho ukuthi indlu leyo ingcolile, kufuneka ihlanjululwe. Chosi!