Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molo tata, ndicela undicacisele. Ndiphupha ngathi ubhuti wam undipha imali. Le mali yiR250. Andiphe iR50 yenyama. Ungumntu olukhuni qha ndimangalisekile.

IMPENDULO: Camagu. Okubalulekileyo kwiphupha elikumila kunje kukufumana inkcukacha ezigcweleyo. Kodwa ke uninzi lwabahlalutyi bamaphupha luyavumelana ukuba ukuphupha imali engamaphepha kuchaza ukuguquka kweezinto kuwe okufana nokufumana ingqesho ukunyuselwa emsebenzini njalo njalo. Ngoko ke kumele ube nethemba lokuba kuzakuba ngcono kuwe  ingakumbi kukonyaka.


IPHUPHA: Camagu. Ndicela uchazelwa amaphupha nentombi yam: Uphupha kwakhayakhulu kwindlu engasebuhlanti kukho bonke abantu bekhaya ababhubhayo kwidrawers.  Wahamba yena nabanye abantwana bayokulanda utamkhulu wabo eMonti apho angcwatywe khona  bamzisa kwabanye.  Xa bephuma kulendlu betshixa wabona amagqirha. Elesibini: Uphupha kwakwakhaya khulu kukho amatanki amanzi  amabini kubotshelelwe iinkomo ezimbini kuwo.  Uthe xa edlula lawa elinye itanki yaphuncuka inkomo yamleqa yamtya ingalo.

IMPENDULO: Iphupha elo licace gcaa kufuneka kuhlanganiswe kubuywe kulandwe imimoya yabantu abusuka kwelikhaya ethe qelele ngoku kuhamba kwabo emhlabeni. Lo msebenzi uzakufuna igqirha ngenxa yobuzaza bawo. Omabini ke lamaphupha achaza umsebenzi wakwa khaya khulu lowo.


IPHUPHA: Molo mhlekazi mna ndiphuphe kukho itavern yayikho kwakudala ingathi mna ndilele endlini xa ndiyovala iminyango gqi utatomkhulu wam engena njengesqhelo apha endlini ezolala wabulisa. Nam ndambulisa wongena erumini yakhe….kodwa akasekho worse samenzela inkomo yombuyisa enkosi. Nangoku 3weeks ago safikelwa ziinyosi kuba bekungevanwa efamily(ni)sawenza kodwa umsebenzi.

IMPENDULO: Kuhle ukwazi ukuba niyikhathelele imisebenzi yesintu. Kodwa ke ngokwephupha kuyacaca ukuba isekhona lendawana incinci enisayiphosayo ekufuneka yenziwe. Khange nithabathe iintonga niyokusabela lomba. Chosi


IPHUPHA: andisafundi, kodwa ndiphupha ndise sikolweni. Ngemini elandela leyo ndiphupha ndikunye namagqhira ndinxibe umbhaco omhlophe kunye nentsimbi egcwele isifuba emhlophe, elinye lamagqhira landithutha ngesi duko sam. Kodwa ndiye ndoyiswa kukuxentsa xa kuxentsa kwisi taji bekuxentswa kuso ngawo wonke magqirha ebelapho. Ndicela ingcazelo.

IMPENDULO: Iphupha lakho lichaza intwaso. Hlala nabantu bekhaya ukuze nibonisane ngomkhomba ndlela.



IPHUPHA: Ndicela inkcazelo uba ikhona kodwa, ndiphuphe ngenkomo izala kwaye lindihleli eli phupha yonke le mini liyandithukuthezela. Ndiyabulela.

IMPENDULO: Liphupha elingelibi elo kuba lichaza inqubela kuwe kukho into ezayo kuwe. Kodwa nawe zama ukungasivali isandla sakho.


IPHUPHA: Molweni mphilisi. Ndihlala ndiphupha kulo mama wam ndenze indlu entle okanye ndifake ipaint okanye ndithenge I furniture khona,ingaba ithetha ukuthini lento?Ngoba izinto azindihambeli kakuhle andisebenzi ndiphila ngamabonandenzile yaye elam ikhaya lidlakadlaka?

IMPENDULO: Camagu. Kuyacaca ukuba kufuneka wenze umsebenzi wezihlwele ukucela kuzo amathamsanqa. Lo msebenzi funeka uyowenza kanye kulo nyoko nokuba ligogogo okanye ibhekile emveni koko kuzovuleka. Chosi

IPHUPHA: Ndiyazibulisela kuMphilisi. Bendicela ukubuza ukuba xa uphupha amashe angabelungu lithetha ukuthini? Nelokuba uphuphe ichomi yakho ephilayo isisporo, abantu bakuxelele ukuba ungadluli phakathi kwayo ngoba uzakushiyekela kuwe?

IMPENDULO: Amaphupha akho aqulathe isilumnkiso kuwe malunga nento embi enothi ikwehlela. Zama ukuhluza izihlobo zakho okanye uvule amehlo kuba kuwe asinguye wonke umntu othi mhlobo kuwe ongumhlobo wenene. 

IPHUPHA: Molo Tata. Kunephupha endike ndavuka nalo endicelwa uchazelwa.  Ndiphuphe umamomntana wam endohlukana naye ngo2012. Ndimphupha ekhulelwe and kweliphupha ndibe ndisithi ebantwini basekhaya ayindim omenze nzima ngoba ndamgqibela kudala. Ndingabulela kakhulu uchazelwa eliphupha.

IMPENDULO: Kungenzeka ukuba kukho ingxaki akuyo umama womntwana lowo kuzoxhomekeka kuwe ukuba uyafuna na ukuqhagamshelana naye ukuva ngemeko leyo. Into ilele kuwe.

IPHUPHA: Camagu  mhlekazi. Ndiphuphe ndinxibe iimfele  zenyamakazi  ngentla nangezantsi, ndiphethe umkhonto umde nomfutshane inesingxobo esenziwe kwangezi mfele ndithwele nezidlokolo esifana nezimfele, umbala wazo zi brown. Mabudede ubumnyama kuvele ukukhanya.

IMPENDULO: Camagu Gqirha. Ewe kaloku bubugqirha obo obugqibeleleyo nobusulungekileyo. Zama ke ukufuna umkhomba ndlela kwizanuse ezinolwazi. Chosi