Inkcazelo Yamaphupha

IPHUPHA: Camagu tata ndicela ukucaciselwa eli phupha, ndiphuphe ndikwenye ilali ndihamba nomntu endingamaziyo Le lali ndandifunda kuyo ezantsi kweskolo kwakukho umthombo ngeZantsi komthombo yindlela yemoto ezantsi kwendlela ngumlambo awumkhulwanga kakhulu kodwa unezizibaezoyikekayo. Ingathi  ndiyokha amanzi kulomthombo xa ndifika  ingathi  amanzi awekho usanyentiwe nndijike nalomntu ndihamba naye ingathi  ndithi kuye ndifumene inxuwa pha ngasemlanjeni ndizokwakha indlu yam phaya. Kulendawo ikufutshane nendawo ekwakha kwatshona umntu khona. Camagu tata ungakhe undikhanyisele lithetha ukuthini. Achumule
 
IMPENDULO: Iphupha lakho likhulu kakhulu kwaye lifuna ingqwalasela emandla. Kwimeko zangoku umntu xa esakhela emlanjeni kuxa kusenziwa umsebenzi wesintu ekuthiwa yimfukamo ukuphilisa umntu lowo, kodwa ke lento ayivele yenziwe nje kufuneka kube neempawu eziliqela ezikhomba oko. Iphupha lakho ke libonisa ukuba wena unegazi elimhlophe kungelishwa ke ukuba ndingazokwazi ukungena nzulu kuba londima ifuna imvumisa kunye nabantu bakowenu.
 
 
IPHUPHA: Molweni. Kukho iphupha  apha kum, apha ndiphupha ndihlangana nomntu zendifunda naye ehamba ngemoto phof nam ndiyahamba ngeyam imoto phof andinayo so apha ekuhambeni ephupheni sizibone sidamfuza kwi toilet andaz sohlukene njani nemoto besiziqhuba. Bendicela ukulamlelwa eliphupha
 
IMPENDULO: Elo phupha libonisa impalalo okanye intlupheko nokubetheka oku kulandela. Ukuzama ke ukufumana isizekabani soku kukuba wena wenza uphendlo kwindlela owenza ngayo iizinto ingakumbi imeko yokutyeshela amasiko nezithethe zakowenu.
 
IPHUPHA: Camagu tata ndicela ukucaciselwa ngalamaphupha alandelayo ndiphupha ndilala nomntu oyindoda phofu lomntu uyindoda ngumntu endimaziyo ebesanda ukuswelekelwa ngumfazi wakhe ndiphinde futhi ndiphuphe umtshanto ndithi kusenjalo ndiphuphe umngcwabo katatomkhulu wam eziswa eze efakwa kulanto ifaka umntu oswelekileyo ibengona azakufakwa ebhokisini yakhe phofu simbona nehlobo asikwe ngalo ndothuke ndilila
 
IMPENDULO: Amaphupha akho anesiphithiphithi semimoya emdaka nezungezana nawe. Funa uncedo msinyane.
 
IPHUPHA: Camagu. Tata ndiphupha ndifika kulomama wam kusetyenziswa iyeza ingathi kuthwa hlamba nawe ingathi bahlamba ngalo ndothuke. Elinye ndiphupha umntana wam ekhala ejonge kude ingathi ndibuzile ukuba ukhalelani ingathi eze ebaleka andigone undishiye 2015 ena 9 ebeyikwekwe.
 
IMPENDULO: Camagu. Elokuqala lingesilawu sakowenu ukusisebenzisa ukuze kuvuleke kwindlela zakho. Okwesibini. Kuyacaca ukuba imeko yokuphulukana nonyana lowo isakuzinga nanamhla kwaye naye apho akhoyo uyabona ukuba amehlo akho awukawasusi kuye, zama ke ukumkhulula uxole ukuze naye aphumle ngoxolo.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphuphe unikwa intsimbi ebomvu ze athi lomntu ukunika zona uze uthwale ilaphu elimhlophe ke entloko. Ingaba lizama ukuthini eliphupha lam???
 
IMPENDULO: Leyo yindabiniselwane yesiphiwo osinikwa ngabantu bakowenu, siphiwo eso isesokwazi ukubona ngokwemehlo looSiyazi okanye okhohlele singeni.
 
IPHUPHA: Camagu tata ndicela buza  oko kulonyaka ndipuma ndisoloko ndibethwa gumntana kamakaz Wam osweleke kulonyaka qo emaphuphen  amu ukhona mama Wam akathethi naye mama Wam wasweleka ngo2013 ingaba tata lithin
 
IMPENDULO: Zama ukuhlanganisa abantu bekhaya nikhe niyowusabela lomba kuba iphupha eli liqulathe umyalezo ekungafunekanga upapashwe esidlangalaleni.
 
IPHUPHA: Camagu tata ndinephupho elindihluphayo ngoba liyaphinda phinda ndiphupha inyoko enkulu indileqa inyama inendawo eziyelo.
 
IMPENDULO: Asinto intle ukuleqwa yinyoka ephupheni ingakumbi enalemibala uyichazileyo. Ngamanye amaxesha siphuma kwizihlwele ezizibonakalisa ngezilo eziliqela kungenzeka ukuba kumnombo wakho kukho abo boyanyaniswa nale nunu. Ukanti xa bengekho ingxaki ikho zama ke ukufuna uncedo olukhawulezileyo.
 
IPHUPHA: Hey ngicela ukubuza uma uphupha umuntu ophilayo eshonile. 
 
IMPENDULO: Lowo kunesikhalo anaso kukhona iizinto zakhe ngokwesintu azifunayo kuni.