Abathengwa oogandaganda bakwaMahindra

Enye yeenkampani eziphambili ukuvelisa oogadaganda kwihlabathi iMahindra nezinze kwilizwe laseNdiya ikhala esimantshiyane ngokuhla kwentengo yogandaganda bayo. Oogandaganda bakwa Mahindra bayathengiswa kweli loMzantsi Afrika kwaye zakhiwe ngendlela ehambelana neli.

Ingxelo ephuma kwikomkhulu lakwaMahindra eNdiya ithi ihle ngepesenti ezintathu ekhulwini intengo yogandaganda bakwa Mahindra kwihlabathi jikelele.UHemant Sikka nguMongameli wenkampani yakwa Mahindra eNdiya.

“Ingxelo yethu isekelezelwe kwingxelo yenyanga kaCanzibe yonyaka ophelile nalapho sasithengise ogandaganda abangamashumi amathathu anesine amawaka,” kutsho uSikka. Uthi kulo nyaka (2023) bathengise amashumi amathathu anesithathu amawaka ogandaganda kwihlabathi ngokubanzi, oku kubonisa ukuhla kwamanani entengiso zale nkampani.

UMzantsi Afrika uphakathi kwamazwe okuqala ukuthenga iimveliso zogandaganda belizwe laseNdiya. ”Kwiminyaka engaphambili besithengisa ngcono kweli laseNdiya kodwa ngoku abathengwa ogandaganda bethu nalapha ekhaya eNdiya,” kutsho uSikka.

Lo kaSikka utyhola iingxaki eziquka imozulu eguqukayo, izifo ezihlasela ihlabathi nemfazwe eziqhubeka kumazwe ehlabathi nje ngonobangela woku. “Apha eNdiya ngo2022 besithengise ogandaganda abakumashumi asixhenxe anesithathu amawaka, kodwa kulo unyaka sithengise amashumi amathandathu anesibhozo amawaka, oku kuthetha ukuhla okumandla kwintengiso yogandaganda bethu,” uthethe watsho uSikka.

Ukuhamba kwamafama kwindawo ebekade ehlala kuzo ngenxa yemeko ezingazinzanga kwihlabathi kunefuthe elibi kwintengiso yezixhobo zokusebenza ezifana nogandaganda. “Kwezinye iindawo zehlabathi kusafuneka ukuba sizazise ngokusemthethweni ukuze amafama azingcono ngogandaganda bakwa Mahindra,” kutsho Sikka.

Ugandaganda omnye omtsha uxabisa imali engaphezu kwamakhulu amabini amawaka erandi kweli loMzantsi Afrika. Ukanti inkampani yodumo ethengisa ogandaganda kweli iJohn Deere yona izityela itheko ihleli kwindawo yokuqala ngokuba yeyona nkampani iphambili ukuthengisa kweli loMzantsi Afrika naseAfrika.

Inkampani yakwa John Deere ineminyaka engaphezu kwekhulu ithengisa oogandaganda bayo kweli loMzantsi Afrika nakwiAfrika ngokubanzi. INew Holland yenye inkampani eyaziwayo ngokuthengisa ogandaganda nezixhobo zokulima ezaziwayo kwihlabathi. “Amafama kwihlabathi jikelele awanathemba kwikamva lezolimo ngenxa yemeko ezahlukeneyo ezibangela uloyiko ngoko ke abafuni kuchitha imali kwimeko abangayaziyo,” kutsho uSikka.

Ukuhla kwentengo yogandaganda kubonisa ukuhla kwezinga lokuveliswa kokutya,kuba ugandaganda sisixhobo esiphambili sokulima. Uninzi lenkampani ezivelisa izixhobo zokulima zikwavelisa nezinye izixhobo zokusebenza imisebenzi emikhulu