Abethekile amafama emfuyo ngenxa yemozulu

Imozulu engaqhelekanga ehamba nomoya obhudla ngamandla, ingqele nemvula ebandayo ihlasele iindawo ezininzi zelizwe ishiya amafama elahlekelwe kakhulu. Izanuse zezulu zithi ilizwe loMzantsi Afrika lonke ligagene nemozulu engalindelekanga ukusukela ekuqaleni kwale nyanga yeKhala.

Umoya obhudla ngamandla ubangele imililo yamadlelo engalawulekiyo, oku kubangela ukufa kwemfuyo logama kutshe nalo ngca ibikhona.

Kwezinye iindawo zelizwe, amafama alahlekelwe zizityalo zasebusika eziquka iimbotyi kwakunye neetapile eziqhele ukulinywa ebusika. Ingqele engaqhelekanga ibangele ukumbatsha ngephanyazo kwezi zityalo zasebusika, oku kwabangela ilahleko kumafama.

Ekuqaleni kwenyanga yeKhala, izanuse zezulu zitshilo ukuba kuza kufika ingqele emandla kuninzi lweendawo zelizwe.

UGqirha Peter Johnston oyingcali yomphandi weemeko zemozulu kwiYunivesithi yaseKapa uthi ngenene yimeko engaqhelekanga ethe yahlasela ilizwe loMzantsi Afrika.

“Le ibeyenye yeemeko ezingaqhelekanga ezakhe zakho kweli loMzantsi Afrika, ingqele, umoya nemvula ethe yahlasela ngakumbi eNtshona Koloni,” utsho uJohnston.

Uthi ngenxa yokuba le meko ibihamba nomsinga obanda kakhulu, ibangele ukuwa kwekhephu okumandla kwiindawo ezingaqhelanga ukuwa ikhephu.

“ICape Peninsula ichaphazeleke ngamandla ngenxa yemvula efikelele kwikhulu leepesenti ibangela ukuwa kwekhephu ngamandla,” utsho uJohnston.

Uhambisa athi baqikelela ukuba le meko ingagqithela kwiindawo eziquka iMpuma Koloni noMntla Koloni ingaphelanga le nyanga yeKhala.

“Okuxhalabisayo kukuba ezi ndawo iza kugqithela kuzo zinamafama amaninzi wemfuyo nalawo alima ingqolowa nelusini ngeli xesha lonyaka,” utsho uJohnston.

UJohnston uthi ngaphandle kwamathandabuzo amafama wemfuyo azakuluva ulwamvila wala meko nanjengoko isenokubuya ngamandla kwiinyanga ezayo.

“Asikaphumi engxakini kuba le nyanga izayo yinyanga eneeveki ezithile eziye zibenengqele ngokwesiqhelo, ngoko ke singalindela nantoni, kulungile ukuba amafama azixhobise ngoko,” kutsho uJohnston.