Imango sesinye seziqhamo elidlisela ngazo eli loMzantsi Afrika neAfrika ngokubanzi. Oku kungenxa yokuba imango inencasa, inamanzi avuzisa izinkcwe logama ikwaqhayisa ngobuhle.
Igaqa layo limbala uxube umthubi, ubomvu noluhlaza, kodwa ngaphakathi iqulethe igaqala elimthubi elincamise ngencasa.
Ngaphandle kokuba intle imango ikwaxhobe ngezakhamzimba eziquka uVithamin A kwakunye noC ezidingwa kakhulu ngumzimba.
Ngenxa yoku imango ifunwa ngamandla luluntu phantse unyaka wonke, ngoko ke ayinaxesha lithile lonyaka.
Imango iqhuba kakuhle xa uyityale nemithi yeziqhamo efana neorenji kwindawo enye, ziyavana kwaye ziyabelana ngomoya.
Azidingi kukhathalelwa kangako izityalo zemango, oku kuzenza ukuba zahluke kwezinye izityalo zeziqhamo.
Ngenxa yoku imithi yemango ilunga kuzo zonke iindawo etyalwa kuzo, kwaye ayisokolisi ngazinto zininzi. Iindawo ezinobushushu bendalo ezingenakufuma kugqithisileyo ziindawo ezilungele imango ezo.
Iindawo ezinomoya ovuthuza ngamandla aziyifanelanga imveliso yemithi yeziqhamo zemango.
Imithi yemango yophuka lula ngumoya onamandla, ngoko ke kufuneka ukuba umfama ayikhusele ngokunxwema iindawo ezinomoya. Imithi yemango iyazithanda iindawo ezinamatye ezinomhlaba osabutyiwa.
Xa uyityala imango kumele ukuba ushiye umyinge weemitha ezilishumi phakathi kwezithole zakho ukuya kwishumi elinesithathu.
Oku kwenza ukuba xa zikhulile zikwazi ukunika umhlaba wokuba zingahlabathi ngamasebe asondelene kakhulu. Ungawutyebisa umhlaba wakho ukuba uwukrokrela ukuba udinga ukunikwa izithako zokuwutyebisa. Njengoko sele sitshilo izithole zemango azidingi manzi agqithisileyo njengebhanana ne’avocado.
Kukho ke iindidi ezahlukeneyo zemango kwihlabathi, kwaye kubalulekile ukuba umfama azazi ezindidi zemithi yemango. Kukho uhlobo lwemango ekuthiwa yiTommy Atkins, Alphonso Apple Mango, Parvin kwakunye neGlenn.
Ilizwe loMzantsi Afrika alikho kumazwe aphambili kwihlabathi avelisa imango. Ilizwe laseNdiya livelisa amashumi amahlanu ekhulwini eepesenti zemango etyiwa kwihlabathi lilandelwe lilizwe laseTshayina.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!