Ulibo Lokuqala Agricultural Enterprise yifama eseNcera Skweyiya eDikeni, kuMasipala iRaymond Mhlaba nevelisa iindidi zezityalo eziquka imifuno eyahlukeneyo.
La mafama aqale lo msebenzi ngonyaka ka2020 usenziwa ngamanina amane kwakunye nendoda enye.
UAmahle Bokveld uncokole ne-Entsimini ngalo msebenzi umhle kangaka nongowokuqala kumafama amnyama kweli.
Ulibo uvelisa oku kutya kumhlaba oziihektare ezingamashumi amabini ngeenjongo zokuthengisa ukuze kungeniswe ukutya.
“Besiqala ukuthumela imveliso yethu eLesotho, ngabo abaye basikhangela ngokusifumana kula makhasi onxibelelwano, ukusa apho ke safikelela kwisivumelwano sokuba siza kuthumela umthwalo wethu,” utsho uBokveld.
Oku kusemva kokuba abathengi baseLesotho baye baneliseka ngumgangatho wekhaphetshu eliveliswa kumasimi we-Ulibo eDikeni.
“Yimithwalo emine esiyithumele eLesotho owenziwa ziingxowa ezingamakhulu amahlanu ekhaphetshu,” kutsho uBokveld.
Ulibo Lokuqala Agricultural Enterprise lwenziwa yindibanisela yamafama asakhulayo aquka uAmahle Bokveld, Thando Sixaxa, Sihle Nongawuza, Mandlakazi Nkunjana kwakunye noXolelwa Macikilishi.
Wonke amafama kweli nakwihlabathi asoloko enqwenela amathuba okuba akwazi ukuthumela iimveliso zawo kumazwe angaphandle koMzantsi Afrika. Urhulumente uthembisa mihla le ukuncedisa amafama ukuba akwazi lula ukuthumela iimveliso zawo kumazwe angaphandle koMzantsi Afrika.
“Iinjongo zethu kukuba sisixhobise ngokwaneleyo ukuze sikwazi ukuthengisa ukutya kwethu kumaphondo olithoba eli nangaphandle koMzantsi Afrika ukuze silwe indlala, ngoko ke sijonge ukulwa indlala eMzantsi Afrika nangaphandle,” kutsho uBokveld.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF