Amakhoba wamaqanda asisichumiso kumhlaba

Amakhoba wamaqanda asisichumiso kumhlaba. Umfanekiso: Facebook

Amaxesha amaninzi amafama ayawalahla amakhoba amaqanda ngenxa yokungazi ukuba asisichumiso esiqulethe iimpendulo kwiinzame zokutyebisa umhlaba. Amafama achitha iimali ezinkulu ezama ukufumana iindlela ngeendlela zokutyebisa umhlaba wawo.

Mihla le amakhaya alahla amakhoba weqanda, kaloku amafama afuye iinkukhu ezininzi ezizala amaqanda imihla ngemihla.

Amakhoba wamaqanda asisichumiso kumhlaba. Umfanekiso: Facebook

Amakhoba amaqanda aqulethe ikhalisiyam neeminerali ezisoloko zifunwa ngumzimba wakho ngamaxesha onke mfama. Kufuneka ukuba uqalise ke mfama ukungawalahli amakhoba eqanda, waqokelele uwabeke kwindawo ekhuselekileyo. Wacoce uwalungise wenzele ukuba akwazi ukoma ngokwaneleyo ukuze xa uwasebenzisa abe ekulungele ukusebenza.

Xa omile ngokwaneleyo, amakhoba weqanda lakho wagube abe mancinci ngokwaneleyo ukuze asebenze emhlabeni. Ungawacola usebenzisa nokuba yintoni ocola okanye oguba ngayo izinto zakho emzini wakho. Emva kokuba uwagubile amakhoba amaqanda akho, wagalele okanye ungawagalela emhlabeni lowo ujonge ukuwusebenzisa ukuze uchume umhlaba. Ungawuzamisa ngeenjongo zokuxuba nomhlaba lo mgubo wamakhoba amaqanda, oku ukwenzela ukuba adibane nomhlaba wakho ngokufanelekileyo.

Amakhoba wamaqanda asisichumiso kumhlaba. Umfanekiso: Facebook

Lo mxube usoloko ufanele zonke iindidi ezahlukeneyo zomhlaba, kodwa kubalulekile ukusabela nokufumana iingcebiso kwigosa lakho lezolimo elikufutshane. Lo mhlaba uwuxube nala makhoba eqanda wugalele amanzi ukuze udibane ngamandla ukuze izichumiso zingene emhlabeni ngendlela eyiyo.

Alikho ikhaya elinengenawo amakhoba amaqanda mafama, ngoko ke sebenzisa amakhoba eqanda kwiinzame zakho zokuguqula umhlaba wakho. Izichumiso ezithengwayo azisoloko zisenza le nto ilindelweyo yokuchumisa umhlaba, ngamanye amaxesha zishiya umhlaba wenzakele.

Amakhoba wamaqanda asisichumiso kumhlaba. Umfanekiso: Facebook

Ukuchumisa umhlaba ngezinto eziveliswe kwifama yakho kuphungula umyinge wemali echithwa ukuthenga izinto zokuchumisa. Qalisa ke mfama ukugcina amakhoba wamaqanda akho uwalungiselele ukuba achumise umhlaba wakho.