Amaxesha amaninzi amafama awaluqapheli uncedo anokulufumana ngokusebenzisa itshakoli okanye amalahle kumhlaba okanye kwizityalo zawo. Efama kugawulwa iinkuni, ezinkuni ziphinde zibaswe kuvelise amalahle athi alahlwe kucingwa ukuba awanamsebenzi. Uninzi lezinto eziveliswa efama zinomsobenzi ophinda ubeluncedo kwakwezinye izinto ezifana nezityalo zasefama.
Amagaqana wetshakoli okanye ilahle xa ethe aqhekezwa efakwa phakathi komhlaba olime kuwo mfama, ayakwazi ukuncedisa umhlaba wakho ukuba utsala ubushushu elangeni.
Ayakwazi ukunyusa iqondo lobushushu bomhlaba wakho busuke kwiqondo elibandayo ukuze umhlaba ukwazi ukuvelisa izityalo ezinempilo.
Izithole eziveliswe ngelanga elitsalwe bubushushu belahle zihlala ixesha elide, zimelana neemeko zokunqongophala kwamanzi nelanga.
Xa umfama eneenjongo zokuphucula umgangatho womhlaba wakhe kumele ukuba ahambele kufutshane netshakoli ukuze imncedise.
Itshakoli incedisa ukulwa iingxaki ezisokolisa ukukhula kwezityalo. Itshakoli iphucula indlela ezikhula ngayo izityalo, umbala wezityalo, incasa nezinye.
Ilahle lincedisa kwizityalo ezifana neembotyi, imifuno nezinye eziluhlaza. Umbala wezityalo, ingakumbi imifuno ubalulekile kuba ubonisa ukuba izityalo ezo zisempilweni, kwaye zibangela impilo.
Itshakoli iyancedisa ukugcina ukufuma komhlaba, oku kuhamba nokugcina umgangatho wezityalo zishushu, zifudumele amaxesha onke.
Ngumyinge okumashumi amabini epesenti ekhulwini ubumanzi okanye ukufuma okugcinwa ngumhlaba ngenxa yetshakoli. Oku kudlala indima enkulu ukukhulisa izityalo ezondlekileyo ezinencasa ngoku njalo.
Izithako ezikwitshakoli ziyakwazi ukugcina izichumiso emhlabeni ixesha elide, oku kwenza ukuba isichumiso sakho sithathe ixesha elide.
Kuqoqosho lenkcitho yasefama amafama angayisebenzisa itshakoli logama ekhusela imali ayichitha kwizichumisi nezinye izithako.
Kukwabalulekile ukuba amafama afunde ukuzivelisela itshakoli yawo efama, ahlukane nokuthenga itshakoli yase zivenkileni. Ukunyuka kwamaxabiso okutya, izichumiso, iingxaki zombane nezinye kubanyanzela ukuba amafama atshintshe indlela yokwenza. Ukonga imali ngokukhangela izinto onokuzenzela zona kubalulekile mfama.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023