Kwilinge lokuxhasa iinzame zokuveliswa kweegusha eMpuma Koloni nesele kukudala liqhutywa liSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle, amafama aseMafini eLibode afumene iinkunzi zeegusha.
UMphathiswa weli Sebe uNonkqubela Pieters sele ejikeleze kuninzi lendawo zeMpuma Koloni enikisa ngeenkunzi zegusha kumafama oboya. “Injongo kukuqinisekisa ukuveliswa kwegusha ezisemgangathweni, oku kuyakunceda ukuphucula umgangatho woboya,” kutsho uPieters.
Ziinkunzi zeegusha ezikwikhulu namashumi amane anesine ezithe zanikezelwa kumafama eegusha aseMafini eLibode ngulo Mphathiswa. Kuthwa ezi nkunzi zeegusha zezohlobo olulodwa olusemgangathweni wokuvelisa kohlobo leDohne Merino. “Kwiinkunzi ezilikhulu namashumi amane anesine esinikise ngazo apha eOR Tambo, ngamashumi amathandathu anesibini ezinikwe uMasipala waseNyandeni,” kucacisa uPieters.
Uthi banqwenela ukubona amafama asekuhlaleni ekhula ukuze akwazi ukukhuphisana namafama amakhulu kweli nakwihlabathi.
Kwiinzame zakhe zokuguqula imihlambi yamafama asezilalini uRhulumente weMpuma Koloni ukwaxhobisa lamafama ngeendawo zokuchebela iigusha zawo. “Sikwanikise apha ngendawo yokucebela kuba sifuna amafama wethu woboya anyukele kwizinga elingasentla,” kutsho uPieters.
Kwakule veki inye uMphathiswa uNonkqubela Pieters ebenikise ngendawo yokucebela iigusha kumafama aseUpper Mkhaphusi eCacadu. Ingingqi yaseChris Hani sele yaxhamla kwisibonelelo seenkunzi zegusha zokuphucula imihlambi yabo.
UNowandile Mbana ngomnye wamafama athe axhamla kulo ncedo leSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle. “Inkunzi yegusha endiyifumene apha izakuphucula umhlambi weegusha zam ngaphandle kwamathandabuzo, kuza kwenzeka inguqu enkulu emhlambini,” kutsho uMbana.
Ukuxhaswa kwamafama angamanina kusoloko kuhamba phambili kwiinzame zikaRhulumente welizwe loMzantsi Afrika. “Ndivuya kakhulu sesi sipho kuba bendihlala ndifuna ukufumana iigusha ezisemgangathweni ukuze kuphucuke umhlambi wam,” kutsho uMbana. Uthi ukudibana kweemazi zakhe nohlobo lenkunzi yeDohne Merino kuzakunceda ukuguqula umhlambi wakhe ngokukhawuleza.
UPhaphama Madyibhi ufumene naye inkunzi yegusha kwesi sipho sivela kuRhulumente. “Oku kuzakwenza umahluko omkhulu kakhulu kuthi singamafama asakhulayo, imihlambi yethu izakutsho ibenegama ngenxa yemveliso yamatakane azakuphuma apha,” evuya utshilo uMadyibhi.
UMphathiswa uPieters uxelele lamafama ukuba uMasipala wesithili saseOR Tambo ngomnye ohamba phambili ngokuvelisa iigusha. “Amazwe amaninzi kwihlabathi afuna iimveliso zethu zenyama noboya, ngoko kufuneka ukuba niqinise umsebenzi eniwenzayo,” uvale ngelo uPieters.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni