Amaxolo ebhanana ayachumisa kwizityalo

Amaxolo ebhanana achumisa ngokwaneleyo mfama.

Kwezinye zeenzame zokukhulisa isivuno sakho mfama, ukusebenzisa amaxolo ebhanana kunganceda ukuchumisa izityalo zakho. Xa zichume kakuhle, izityalo zinika isivuno esihle esibangela ukuba kukhule ingeniso kumfama.

Ngoko ke, yahlukana nokulahla amaxolo ebhanana mfama, sebenzisa ubuncwane bokutyebisa umhlaba. Thatha amaxolo ebhanana yakho mfama uwafake kwibhotile evalekileyo.

Aqulethe ntoni amaxolo ebhanana le inokukhulisa izityalo zakho mfama?

Amaxolo ebhanana aqulethe ipothaziyam efunwa ngamandla ziintyatyambo neziqhamo zakho ukuze zikhule ngokufanelekileyo, ukuze zinike isiqhamo esihle. Kumaxolo ebhanana kukwafumaneka ifosforasi, yona enamandla okuqinisa iingcambu zesityalo sakho ukuze zikhule ngokukhawuleza nangexesha elifanelekileyo.

Ikhalsiyam efumaneka kumaxolo ebhanana yona iqinisa iiseli kwizityalo ukuze izityalo zakho zihlale zisemandleni ngamaxesha onke. Amaxolo ebhanana akwaqulethe imagneziyam ekhuthaza umbala oluhlaza kwizityalo zakho ngamaxesha onke. Ukuba luhlaza kwezityalo kuchaza ukuba ngenene izityalo zakho zondlekile.

Nantsi ke indlela yokwenza umxube wokutyebisa umhlaba wakho ngokusebenzisa amaxolo ebhanana:

Amaxolo amabini okanye amathathu ebhanana ungawafaka kwibhotile enamanzi anobunzima obumalunga nelitha enye okanye ezimbini.

Wanqunqe la maxolo abeziziqwenga ezincinane ugalele amanzi ukuze kwenzeke umxube ofanelekileyo. Nceda ungayigcwalisi ibhotile ngamanzi ukuze ukwazi ukuyihlukuhla phambi kokuba uyisebenzise.

Beka le bhotile inalo mxube kwindawo enelanga ukuze ifunyanwe lilanga elaneleyo isithuba seentsuku ezintlanu ukuya kwezisixhenxe.

Sefa lo mxube ukhethe amaxolo aphume bucala, logama ulungiselela ukuba uwusebenzise kwizityalo zakho. Wusebenzise lo mxube ngokuthi unkcenkceshele ezingcanjini nakwisiqu sesityalo sakho.

Lo mxube ukhulisa ngokukhawuleza, logama ukwavelisa izityalo ezondlekileyo. Ngaphandle kokondla isityalo, lo mxube ukwatyebisa umhlaba wakho ukuze uhlale uvelisa ngokwaneleyo.