Anita Mavereza: ‘Ndifunde emyenini wam ukulima’

Umfama uAnita Mavereza kwintsimi yakhe yekhaphetshu.

UAnita Mavereza ngumnikazi wenkampani evelisa iimveliso zolimo eziquka imifuno ebizwa ngokuba yiAgriculture Lovers PTY LTD.

Njengabaninzi abafunda omnye komnye, uMavereza uthi wafundiswa ngumyeni wakhe ukulima.

“Nditshate nomfama, ndiqale ngokumane ndicela kuye ukuba andifundise inkqubo yokulima imifuno, ndivelisa imifuno kwiifama ezimbini ngoku,” kuqhayisa uMavereza.

Umfama uAnita Mavereza ekugandaganda.

Uthi uqalise ukuvelisa imifuno ngonyaka ka2021 eneenjongo zokuba avelise ukuze athengise aqeshe abantu.

“Umyalezo wam kulutsha ngowokuba makuqaliswe ukulima nokufuya, ukuba awunakuqaphela ngoku ukubaluleka kokulima, ngaphandle kwamathandabuzo uza kuqaphela kwixesha elizayo,’’ uthethe nolutsha watsho uMavereza.

Umfama uAnita Mavereza.

Kunika ithemba ukubona ukukhula kwamanani wabantu abatsha abangena kwezolimo eMzantsi Afrika nakwilizwekazi laseAfrika ngokubanzi. Ngenxa yeemeko zoqoqosho ezingazinzanga, kunyanzelekile ulutsha lukhangele ezinye iindlela zokuzenzela imali.

“Iimveliso zam zolimo ziquka ikhaphetshu, itswele, ibhathanathi nezinye ke iimveliso, ulimo bubomi nempilo yam yemihla ngemihla,” kutsho Mavereza.

Kwiintsuku ezintlanu ezigqithileyo, uchithe umhla wokuzalwa kwakhe emasimini egalela umgquba kwizityalo zakhe uAnita Mavereza.

Umfama uAnita Mavereza.