Aphethe amanina kwezolimo eMzantsi

UMphathiswa Thoko Didiza weSebe lezolimo kuzwelonke.

ISebe lezolimo eMzantsi Afrika liphethwe nguMphathiswa olinina uThoko Didiza, amaphondo amahlanu akwakhokelwe ngabaPhathiswa abangamanina.

Ngaphandle kwabaPhathiswa abangamanina akhokeleyo kukho amakhosikazi abambe izikhundla eziphezulu zokulawula iofisi zababaPhathiswa. Oku kubonisa ukuba ngenene uRhulumente weli ukwinzame zokunika amanina amathuba ebekade evinjwe wona.

UMphathiswa uBusisiwe Shiba weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpumalanga.

Khumbula ukuba ezolimo bezikade zibonwa nje ngomhlaba ongcwele onyathelwa ngamaduna kuphela. UMphathiswa weSebe lezolimo eMpumalanga uBusisiwe Shiba ubambe intambo ekhokele amafama nezolimo kwelaphondo.

UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters.

Iphondo leMpuma Koloni lelinye lamaphondo angumzekelo wokukhokelisa amanina kwezolimo, uNonkqubela Pieters ubambe imikhala esenza umsebenzi onembali yokwenziwa ngamadoda.

UMphathiswa Mase Manolope weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMntla Koloni.

Ukanti igosa eliyintloko kwi ofisi yakhe ikwalinina uMandisa Nohashe. UMphathiswa uMase Manelope ubambe intambo kwezolimo kwiphondo laseMntla Koloni eKhimbali. Oku kungqina ukuzinikela kukaRhulumente unyusa amanina kwezolimo.

UMphathiswa uMbali Hlophe wezolimo eRhawutini.

Igqiyazana elize ngobuso elizweni uMbali Hlophe uphethe iSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle kwiphondo laseRawutini. Ukanti eRhawutini iofisi yoMphathiswa uHlophe ilawulwa lelinye inina uMatilda Gasela okuqinisa ingxelo yokuba ngenene aphethe amanina kwezolimo.

UMphathiswa uDesbo Sebonta Francinah Mohono weSebe lezolimo eMntla Ntshona.

Kwiphondo laseMntla Ntshona uMphathiswa Desbo Sebonta Francinah Mohono ubambe iintambo ekhokele ngempumelelo iSebe lezolimo. Oku kuguqula uluvo nembono yokuba ezolimo yinto enokukhokelwa ngamadoda kuphela.

Amanina abambe izikhundla eziphezulu kulimo kumanqanaba ahlukeneyo. Xa ukhangela ulutsha olungamanina kwezolimo ufumanisa ukuba likhula ngokungxama inani lamanina kwezolimo.

Kumaxesha angaphambili abaphathi kwakunye nabasebenzi bezolimo bekukholelwa ukuba kumele ukuba ibengamadoda kuphela athatha inxaxheba. Oku kusenziwa kukuba umsebenzi wezolimo ngumsebenzi ofuna ukuba kusetyenziswe amandla.

Xa ukhangela intatho nxaxheba yamanina kwimikhakha emininzi yezolimo afumaneka ehamba phambili. Kwimvelisi yoboya amafama angamanina ayafumaneka ekhokele. Kwimveliso yenkozo amanina ahamba phambili ngokulima imihlaba emikhulu elingana neyamadoda okanye engaphezulu.

Amafama wemfuyo weli athumela iigusha eziphilayo kumazwe angaphandle aquka uMbindi Mpuma, amafama angamanina akhona apho.

Iinkqubo eziquka ukukhutshwa kweembasa eziqwalasela indima edlalwa ngamanina kwezolimo yenye indlela ebonisa ukuba ngenene amanina akhathalelwe kwezolimo kweli. Imbasa ezikhuthaza amanina kwezolimo ziqhutywe kumaphondo onke, ngoku kulindeleke ukuba ezimbasa ziye kuqhutywa kuzwelonke.