Ukusukela ngonyaka ka2011, amafama weegusha eMntla Koloni ajijisana neyona mbalela yakhe yankulu ebangela iingxaki kwimihlambi yabo. Nangona kunjalo, la mafama ayaqhubeka ukuvelisa iigusha zohlobo oluphezulu kwezomeko zinzima zokuhlaselwa yimbalela.
USybil Vissagie ngumfama weegusha eMntla Koloni ucacisa ngenzima abajongene nayo kule yembalela.
“Ngenxa yale mbalela siseke umbutho esiwubiza ngokuba yiSave the Sheep ojoliswe ukuncedisana namafama weegusha ngeendlela zonke ukuze aqhubeke nomsebenzi wokuvelisa iigusha,” kutsho uVissagie.
Ukunqongophala kwemvula kwela phondo kubangela ukutsha okanye ukuphela kwengca kwiinkampi axhomekeke kuzo amafama.
“Eyona ngxaki iphambili kukuba amafama aphelelwa yimali ngoku, anyanzeleka ukuba asebenzise imali ukuthenga izinto zokondla iigusha zawo, konke oko kuthatha epokothweni,” kucacisa uVissagie.
Ela phondo lelinye lamaphondo aziwayo ngokuvelisa imihlambi esemgangathweni weegusha, oko kungenxa yemihlaba enamathafa amahle.
“Imvulana ibikhe yana pha kuDisemba isishiye sisafuna ngamandla ukuba kune imvula, siyenzakala ngoku kwicala lezimali kuba siyathenga,” utsho uVissagie. Ukuze zikwazi ukuphila iigusha zidinga ingca eyaneleyo, amanzi kwakunye namachiza okuthintela izifo nezinye iingxaki.
Ukungondleki kubangela ukuba zivelise amatakane angaphilanga, uboya obusemgangathweni ophantsi nenyama engenancasa ngoku njalo.
“Phantsi kobu bunzima amafama awanikezeli ngemihlambi yawo, ayaqhubeka ezama eqinisekisa ukuba ngenene ubomi buyaqhubeka,” kutsho uVissagie.
Kumazwe afana neJamani, amafama ayancediswa ngemali nangezinye iindlela ukuze baqhubeke nomsebenzi wabo, ingakumbi xa behlaselwa yimozulu.
UGqirha uDanie Ondendaal nguGqirha wezilwanyana ozimeleyo, uthi nangona amafama waseMntla Koloni ejongene nembalela, amanye amafama weegusha kweli axakene nemvula ebangela iingxaki.
“Imvula egqithisileyo nokungabikho kwamachiza okugonya kwenza iingxaki kwimihlambi yeegusha kumaphondo amaninzi,” kucacisa uOdendaal. Uthi ubumanzi obugqithisileyo buzakubangela izifo ezahlukeneyo kwimfuyo ingakumbi iigusha.
Ixhegwazana ligqumze uSASSA