Axhotyiswe ngolwazi amafama angamanina

Amafama angamanina axhotyiswe ngolwazi malunga neendlela zokonga nokuyilawula imali. UMFANEKISO: Siyabulela Mqikela

Ngaphambi kokuqala kwenkqubo yokuba anikwe iimbasa amafama angamanina aphuma kwiindawo zonke zeMpuma Koloni axhotyiswe ngolwazi ngeendlela zokonga imali.

Ezi mbasa ziphuma minyaka le ngeenjongo zokukhuthaza amafama kumsebenzi wokulima nokufuya.

Kunyaka ophelileyo uSiphesihle Kwetana waseMthatha waphuma phambili njengoyena mfama osebenze kakuhle. Zininzi ke izigaba athi akhethwe kuzo la mafama nekuthi ngenxa yoko afumane iimbasa ezihamba nemali.

Amafama angamanina axhotyiswe ngolwazi malunga neendlela zokonga nokuyilawula imali. UMFANEKISO: Siyabulela Mqikela

Ingxelo yesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle ithi bakubone kufanelekile ukuba kuqalwe ngokufundiswa amafama ngeendlela zokonga imali.

Ukufundiswa ukonga imali kumafama amnyama nokuba ngawasiphi isini kubalulekile kumafama angenisa imali yonke imihla, kodwa awakhuli ngesantya esifanelekileyo. Iinkampani eziquka uOld Mutual kwakunye noSanlam zizo eziqhube uqeqesho ngeendlela zokukhulisa imali, ukonga kwaneendlela zokugcina imali ebhankini.

Uninzi lwamafama angamanina avelisa iinkukhu, iihagu logama amanye kuwo akwafuya iinkomo, iigusha neebhokhwe.

IEntsimini incokole noDintle Maphala ongumfama eMaletswai nokwangusaziwayo kwezolimo eMpuma Koloni malunga nolu qeqesho.

Amafama angamanina axhotyiswe ngolwazi malunga neendlela zokonga nokuyilawula imali. UMFANEKISO: Siyabulela Mqikela

“Ndingathi ewe kulungile ukuba amafama afundiswe ngeendlela zokonga nokukhulisa imali yawo, kuba ngenene ikhona imfuneko yoko,” kutsho uMaphala.

UMaphala ngumveliso weebhokhwe zohlobo lweAngora eMaletswai ekwanguye nomfuyi weenkomo zeBonsmara.

UMphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe, kulindeleke ukuba agqithise ezi mbasa kumanina amlinde ngengoma.

Abaphumelele apha bazakumela iMpuma Koloni kwiimbasa zikazwelonke ekupheleni kwalo nyaka. UKwetana nguye ebemele iMpuma Koloni kuzwelonke kunyaka ophelileyo.