Phakathi kwezinto athembisa ukuqala ngazo ukungena kwakhe eofisini uMongameli omtsha welizwe laseMelika uDonald Trump kukugxotha abantu baseNigeria kwela lizwe, kodwa ayakhala amafama.
Ngaphandle kwabo baphuma kwilizwe laseNigeria, uTrump uthembisa ngokukhuphela ngaphandle kweMelika bonke abo bakwela lizwe ngokungekho mthethweni.
UMatt Carstens yinkokheli yomnye wookopolotyeni bezolimo abaphambili kwilizwe laseMelika.
“Asinangxaki nenguqu kodwa thina kwezolimo siza kubethakala kakhulu, uninzi lweefama zethu zixhomekeke kubasebenzi abazimbacu kweli laseMelika,” kutsho uCarstens.
UCarstens uthi kumele ukuba esi sicwangciso senziwe ngobunono obubodwa ukuze singashiyi ulwamvila oluvakalayo kwabezolimo eMelika.
“Isiqingatha sabasebenzi basezifama eMelika baphuma kumazwe angaphandle, ngaphandle kwamathandabuzo siza kuchaphazeleka, sihleli sineengxaki eziphazamisa imveliso yezolimo,” kutsho uCarstens.
Kulindeleke iinguqu ezimandla kwela lizwe xa uMongameli uTrump engenile esihlalweni emva kokuphumelela unyulo.
“Phakathi konyanka ka1989 ukuza kuma kunyaka ka1991 linyukile inani labantu abangena eMelika ngokungekho mthethweni, thina singamafama sifumana abantu bokusebenza kwabo bantu,” kucacisa uCarstens.
Ingxelo ithi ilizwe laseMelika linabantu abakumashumi amahlanu ekhulwini leepesenti abaphuma kumazwe angaphandle abasebenza kwiifama ezivelisa ubisi kwela lizwe.
USteve Obert weIndiana Dairy Producers uthi ngenene basengxakini bengamafama weemveliso zobisi ukuba bangagxothwa abantu abakwela lizwe ngokungekho mthethweni.
“Likhulu kakhulu kunokuba sicinga inani labasebenzi bethu abaphuma kumazwe aseAfrika, kwaye bakweli ngokungekho mthethweni uninzi lwabo, ngoko kufuneka isicwangciso sokwenza eli nyathelo,” kuthetha Obert.
Amafama aseMelika kunyaka ophelileyo aqhube uqhankqalazo ekhalela imithetho ethile epasiswe ngurhulumente nechaphazela indlela yabo yokusebenza.
Useziseleni uGogo Maweni!