UKhuthutshelo Ramudzuli waseLimpopo wayeyinto yokuhlekisa koogxa bakhe ngenxa yokuba waqala ukuthanda ukulima ehamba notata wakhe ukuya efama eshiya oogxa bakhe.
Uqale umsebenzi wakhe wokutyala ibhathanathi kumhlaba ongaphantsi kwehektare, kodwa namhlanje ulima kumhlaba ozihektare ezilishumi. “Abahlobo bam babendihleka, besithi ukulima yinto yabantu abadala,” kutsho uRamudzuli.
Uthi oogxa bakhe ababemhleka bacela umsebenzi kuye namhlanje ngenxa yempumelelo yakhe kumsebenzi wokulima. “Benziwa kukuba bayazibonela ngokwabo impumelelo yam kwezolimo, bacela umsebenzi kum xa kunamhlanje.”
Uninzi lolutsha loMzantsi Afrika lusahleli ebumnyameni bokuba ulimo yinto eyenziwa ngabantu abadala kuphela, okanye yinto yabantu abangafundanga. “Ndandingento kubo ngenxa yokuzikhethela ukulima, kodwa namhlanje ndiyahlonitshwa kwindawo endihlala kuyo ngenxa yokulima kwam,” kutsho uRamudzuli.
Oku kuyinkuthazo emandla kulutsha leli ukuba lukhangele indlela yokutshintsha ubomi babo ngokulima okanye baqalisa amashishini. “Wonke umntu ophumeleleyo ombonayo namhlanje ugqithe ebunzimeni, kwaye icebo kukunganikezeli ingakumbi kwezolimo,” kutsho uRamudzuli.
Imozulu yaseLimpopo ihambelana kakhulu nezityalo ezininzi ngenxa yezinga eliphezulu lokufudumala, kwaye amaqondo engqele aphantsi anqabile ukufumaneka kwela phondo. URamuludzi usebenzise amacebo ukunkcenkceshela izityalo zakhe encediswa yimozulu entle yephondo laseLimpopo.
“Ndisebenzise indlela elula yokunkcenkceshela, injongo ikukonga namanzi logama izityalo zihlala zifumana amanzi yonke imihla,” kutsho uRamudzuli.
Inqaku lakhe lokuqala elibalisa ngomsebenzi wakhe likhutshwe ngabakwa Agribusiness Media. Lo mfama unqwenela ukukhula ngamandla kwezolimo kwiminyaka embalwa ezayo. Amafama alulutsha kwiphondo laseLimpopo anembali yokusebenza nzima ukufumana impumelelo yawo.
Iimveliso zakhe zolimo zithengiswa kwiivenkile zasekuhlaleni nezo zinkulu zithengisa edolophini.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM