Bangasebenza ngokuzimela ooGqirha bezilwanyana

Ngenxa yengxaki ezibangela ukubaleka kooGqirha bezilwanyana kweli, uRhulumente upasise umthetho ovumela ukuba aba Gqirha bazivulele amashishini abo. Ngomthetho oguqulwe ngonyaka ka-2022, olawula ukusebenza kooGqirha, bavumelekile ukuba bazivulele amaziko abo okunyanga izilwanyana.

Eli lelinye lamalinge azama ukulwa ingxaki yokulahlekelwa ngooGqirha bezilwanyana eMzantsi Afrika.

UMongezi Menye, ongumlawuli weSouth African Veterinary Council, uthi ngenene zikho iinguqu ezijoliswe ukuphucula ooGqirha bezilwanyana kweli.

”UMphathiswa uThoko Didiza ngexesha lakhe kwiSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle wenze iinguqu kumthetho ngelizama ukunika aba Gqirha ithuba lokuba bavule amashishini abo,” kutsho uMenye.

Ingxelo ithi kooGqirha abalikhulu elinamashumi amane abaphuma kumaziko oqeqesho, abalikhulu kubo bayalishiya eli lizwe.

”Oku kuvumela ukuba aba Gqirha basebenze ezilalini, kwaye bavule amaziko abo okunyanga izilwanyana ngaphandle kokuba baqeshwe okanye baye kwamanye amazwe,” kucacisa uMenye.

UGqirha Paul van der Merwe, onguMongameli weSouth African Veterinary Association (SAVA), uthi kubalulekile ukuba zihlonitshwe iinkonzo ezinikiswa ngaba Gqirha.

”Umsebenzi waba Gqirha ubaluleke kakhulu kwintlalo yoluntu ingakumbi kula maxesha okwanda kwezifo ezindidi kwihlabathi, ngoko ke ukuvula kwabo amaziko ezindaweni abakuzo kubalulekile,” kutsho uvan der Merwe.

Uthi umsebenzi wabo uchaphazela impilo yoluntu nezilwanyana ngendlela ebanzi kakhulu.

“Ukuqinisekiswa kwempilo yezilwanyana kukuqinisekiswa kwempilo yezinto ezityiwa luluntu eziquka inyama, ubisi nezinye iimveliso,” kutsho uvan der Merwe.

Olu tshintsho kulindeleke ukuba lubuyise ithemba looGqirha, logama kuzakuba kuphucuka umgangatho wempilo yezilwanyana.