Ilizwe loMzantsi Afrika livelisa ooGqirha bezilwanyana abalikhulu elinamashumi amane kuphela ngonyaka, abalikhulu kubo bayalishiya eli rhoqo besiya kumazwe angaphandle.
Ukuhamba kwaba Gqirha kubangela ukunqongophala kooGqirha bezilwanyana okumandla, ngokukodwa kwiindawo ezikumaphandle oMzantsi Afrika, itsho ingxelo. Ukunqongophala kwamaziko aqeqesha ooGqirha bezilwanyana yenye ingxaki ebangela oku.
UGqirha Paul van der Merwe onguMongameli wooGqirha bezilwanyana uthi zininzi iingxaki ezibangela ukubaleka kwaba Gqirha kweli loMzantsi Afrika.
“Ukukhutshwa kwaba Gqirha kuluhlu lwabo benza iinkonzo ezicekethekileyo sisizathu sokuqala esibangela ukuba bangaboni kamva kwilizwe loMzantsi Afrika,” kutsho uGqirha van der Merwe.
Uthi ngenxa yoku baqhube uphando lokukhangela iingxaki ezibangela ukuhamba kwaba Gqirha.
“Ukucacisa oku, amaziko aqesha ooGqirha bezilwanyana athatha isithuba seminyaka emibini bekhangela uGqirha omnye wezilwanyana kwisithuba esikhoyo,” ucacisa atsho uGqirha van der Merwe.
Imirholo ephezulu kwamanye amazwe sesinye sezizathu ezibangela ukubaleka kwaba Gqirha kweli loMzantsi Afrika. “Aba Gqirha bagqiba izifundo benetyala eliphakathi kwezigidi ezibini ukuya kwezine ngenxa yemfundo yabo exabiso liphezulu,” kutsho uGqirha van der Merwe.
Imirholo efunyanwa ngooGqirha bezilwanyana kumazwe afana neMelika iphinda phinda kathathu umrholo ofunyanwa ngaba Gqirha kweli loMzantsi Afrika.
“Ingxaki enkulu yokungabikho kwaba Gqirha ihlasela kakhulu iindawo zasemaphandleni, ezilalini kulapho kufumaneka khona iindidi zezifo ezihlasela izilwanyana,” kucacisa uGqirha van der Merwe.
Uthi ukunqongophala kooGqirha bezilwanyana kulibazisa ngamandla inkqubo yokukhula kwamafama asezilalini. Amafama asezilalini afelwa ngamatakane minyaka le ngenxa yolwazi olunqongopheleyo okanye ukungabikho kooGqirha bezilwanyana.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo