INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane ubelingqina kwinkqubo yokuvunwa kombona eMantolweni eNtabankulu kwisithi saseAlfred Ndzo. UMabuyane uncedise ukuvuna kumsebenzi woKopolotyeni iQhamani Nande eyathi yasungula lomsebenzi ngokugalela imali ezizigidi ezibini.
“Ulimo ayiyonto kaRhulumente wephondo nokazwelonke, yinto yethu sisonke, siyabulela kakhulu kuye wonke ubani othe wathatha inxaxheba,” uthethe watsho uMabuyane.
URhulumente wephondo leMpuma Koloni ugalele imali ekumakhulu asixhenxe amawaka ukuzama ukunceda lamafama ukuba akwazi ukwenza umsebenzi wawo.
“Kuluvuyo kum ukubalapha phakathi kwenu ndize kungqina ukuba ngenene amafama walapha avune oko ebekulimile,” kutsho uMabuyane. Uhola wendlela uN2 uhanjiswa ngombona olinywa ngamafama wombona aseNtabankulu nezinye iindawo ezizinze ecaleni kwendlela.
“Ndikwabongoza oomasipala basekuhlaleni nabo bezithili ukuba baqhubeke ukuxhasa amaphulo afana neli ukuze kuqhutyelwe phambili inkqubo yokuveliswa kokutya eMpuma Koloni,” ubongoze watsho uMabuyane.
Zintsapho ezingamashumi amahlanu ezithe zanikezela ngamasimi wazo ebelele ukuba asetyenziswe ukulima lombona. “Mandithathe elithuba ndibulele kakhulu kwintsapho ezithe zanikisa ngamasimi wazo ukuba kwenziwe lenkqubo yokutyalwa kwalo mbona apha, sibamba ngazibini,” ubulele watsho uMabuyane.
Uthi mazinconywe ezintsapho kuba zingabaxhasi bophuhliso lasekuhlaleni, kwaye zincedise inzame zokususa ikati eziko nakwamanye amakhaya.
“Kudala simemeza ukuba makuvuselelwe amasimi alele, into embi kukuba kucandwa amanxiwa wokwakha izindlu kwindawo ekumele ukuba kuyalinywa kuzo,” kutsho uMabuyane.
Yimali engaphezu kwekhulu lezigidi zeerandi ebekelwe bucala ukutyala umbona kumhlaba ozihektare ezingamashumi amabini anesixhenxe amawaka kwiphondo leMpuma Koloni.
“Nje ngoko besitshilo xa besisenza intetho yobume bephondo ukuba sizimisele ukuxhasa amafama wethu ukuba akhule nangaphezulu senza lonto ngoku,” utsho uMabuyane. Yimali engaphezu kwamashumi amahlanu yezigidi zeerandi ezakusetyenziswa ukuxhasa amafama avelisa iziqhamo ezindidindi kulo nyaka mali, kutsho uMabuyane.
Umbona ubuvunwa eNtabankulu utyalwe kumhlaba ozihektare ezingamakhulu asixhenxe namashumi amahlanu. “Ndifuna ukuthi kumafama amaxhala phantsi azakuyifumana inkxaso efanelekileyo ukuze akwazi ukuqhubela phambili nomsebenzi wawo,” uthembise watsho uMabuyane. Ingingqi yaseAlfred Ndzo inamagxibha kwezolimo afana noMandisi Mzoboshe ofuye iigusha ekwangumlimi ophume izandla.
“Ukusukela apha sijonge ukuqinisa umsebenzi owenziwa kwizithili zomasipala ukuxhasa iinkqubo zokuveliswa kokutya eMpuma Koloni,” uvale watsho uMabuyane.
Le Nkulumbuso yenze lomsebenzi iphahle nguMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uNonkqubela Pieters kwakunye neeNkosi zaseNtabankulu eziquka uNkosi Nzululwazi Sigcau.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023