Amafama aseMexico avelise esona sikhwebu side sombona nesichazwe ukuba sinobude obuziisentimitha ezingamashumi amane anesithoba.
Kuthiwa ukukhula okungaqhelekanga kwalo mbona kubangelwe luthuthu oluphuma kwindawo ebinoqhushumbu lentaba mlilo.
Uphando lufumanisa ukuba olu thuthu luphuma kule ntaba mlilo luqulethe izithako ezityebisa izityalo, eziquka iiminerali kunye nezondlo ezidingwa ngumhlaba.
La mafama athi ukukhula okungaqhelekanga kwezikhwebu zombona kubangela ukukhula okumandla kwingeniso abayenza ngokuthengisa umbona nezinye iimveliso zombona.
Ilizwe laseMexico lelinye lamazwe ahamba phambili ekuveliseni umbona ehlabathini. Ukusukela ngonyaka ka2018, imveliso yombona yaseMexico ifikelele kwiitoni ezizigidi ezingamashumi amabini anesixhenxe.
Kuthiwa iindidi ezahlukeneyo zeembewu zikhula lula kwilizwe laseMexico ngenxa yokuba umhlaba wakhona utyebele ukuvelisa iimveliso ezifana nombona.
Umbona wafika kweli leAfrika ngeminyaka yoo1800 usiza nabarhwebi abebejikeleza ihlabathi nabafika kulinywa amazimba nengqolowa kuphela eAfrika.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo