EU inyoba amafama aseNetherlands

Amafama aseNetherlands ngexesha loqhankqalazo.

Ngelizama ukuphungula ingxaki yokungcoliseka komoya imbumba yamazwe aseYuropu ikhuphe imali ekwiibhiliyoni yeponti ukuba inikwe amafama akumawaka amathathu ayeke ukuvelisa ukutya eNetherlands.

Amafama waseNetherlands kudala ejijisana noRhulumente welalizwe kwiinzame zakhe zokuphungula iifama ezisebenzisa izinto ezithi ziqhumise ukungcolisa umoya. Ngo2019 amafama waseNetherlands angena esitalatweni eqhankqalazela umbono kaRhulumente wokuvala iifama ezikumawaka amathathu.

Kuthwa amafama wemfuyo kwelalizwe ngawona avelisa iimveliso ezibangela ukungcoliseka komoya. Oku kwabengela ukohlukana phakathi kwamafama, amanye elixhasa elinyathelo logama amanye engavumi. Ngethuba eqhuba uqhankqalazo amafama ngo2019, adiliza izakhiwo ecaleni kwendlela yawo, irobhotsi, iintambo zombane nezinye, kodwa kamva aphinda azilungisa.

URhulumente waseNetherlands ukwiphulo lokuphungula ukungcoliseka komoya okwenziwa yinatrojini ngamashumi amahlanu epesenti ekhulwini ngo2030. UMagrethe Vestergre ujongene nezolimo kuRhulumente waseNetherlands. “Injongo kukuncedisa amafama ukuba avelise ukutya, kodwa konke oku kufuneka kwenzeke ngendlela ekhusela indawo nokusingqongileyo,” kucacisa uVestergre.

URhulumente waseNetherlands uthi ukungcoliseka komoya kubangela imozu eguqukayo ihambele phambili. Ukanti amafama anoloyiko lokuba azakuphelelwa ngumhlaba wokuvelisa ukutya ngokufuya nokulima xa enokwamnkela lemali.

“Akukho sizathu sokuba oyike amafama, kuba sizakuwancedisa kwiinzame zonke zokutshintsha kwawo umsebenzi abawenzayo, banokutshintshela kwezinye iindlela zokulima nokufuya,” utsho Vestergre.

Amafama athi makwenziwe isicwangciso esinefuthe lamafama, awavumi kuxelelwa ngesicwangciso esenziwe nguRhulumente neEU. Umbutho wezopolitiko ohambisana namafama angafuni olutshintsho ufumene iivoti ezininzi ekuqaleni kwalo nyaka.

Uqhankqalazo lamafama waseNetherlands oluchasene nolitshintsho luphumele nakwilizwe laseBelguim kunyaka ophelileyo. Umfama uWim Brouser ngomnye wamafama asengxakini nanjengoko ifama yakhe ukuluhlu leefama ezizakuvalwa. “Kubuhlungu kuba oku sikwenziswa kukuthanda, sidala amathuba amathuba emisebenzi, sikwafaka ukutya eNetherlands nakumazwe ehlabathi,” kutsho uBrouser.

Ilizwe laseNetherlands lihleli kwindawo yesibini kwihlabathi ngokuvelisa ukutya lilandela emva kwelizwe laseMelika. Ukuba kungenzeka ukuvalwa kwezifama, oko kuyakuba negalelo elibi kakhulu kwimveliso yokutya kwihlabathi.

Anganyuka amaxabiso okutya logama kukho abantu abaninzi abayakulahlekelwa yimisebenzi. “Xa uxelelwa ukuba ifama yakho izakuvalwa ubona kuxhonywe iflegi ebomvu egeyithini, lo nto yenziwa nguRhulumente waseNetherlands kwakunye neEuropean Union,” kutsho Brouser.

Amazwe aseYuropu ahamba phambili kwihlabathi ngokuxhasa iinzame zokulwa ukungcoliseka komoya okubangela imozulu eguqukayo. Amafama kwihlabathi akhala yonke imihla ngenxa yemeko ezibangelwa yimozulu eguqukayo. “Imali asithembisa yona uRhulumente incinci awunakukwazi nokuqala umsebenzi wokulima nokufuya kwakho, yinto engekhoyo,” kutsho uBrouser.