Ezolimo

Ugandaganda kwezolimo emasimini. Umfanekiso: Types Trucks

Yintoni ezolimo? Izichazi magama zesiXhosa zenze impazamo xa zichaza ezolimo okanye abo babesungula eli gama baphazama.

Ezolimo yinkqubo yokusetyenzwa komhlaba ngeenjongo zokuba kuveliswe ukutya okulinyiweyo. Le nkcazelo ikushiya ngaphandle ukufuya kuba ukulima nokufuya kuhamba kunye, kodwa le nkcazelo ithetha ngolimo kuphela.

Masivume ke ukuba ezolimo yinkqubo edibanisa ukulinywa okanye ukusetyenzwa komhlaba ngeenjongo zokwenza ukutya, kwaye ikwaquka nenkqubo yokufuya kwangenjongo yokwenza ukutya.

Ngenxa yokuba ke ingamafama avelisa ukutya okuthi kuxhanyulwe nguye wonke ubani enye yeenjongo eziphambili zokulima nokufuya kukuba kuthengiswe kungene imali.

Ezolimo ke ngokusebenzisa umhlaba yinkqubo enabileyo okanye ebanzi kakhulu equka izinto ezininzi. Ukusetyenzwa komhlaba ulungiselelwa ukuba kulinywe kunezigaba namabakala amaninzi, konke kuqhutywa yinjongo yokuba kuveliswe ukutya.

Ulumi lugqama ngamandla xa kuthethwa. Inzululwazi yokufunda banzi ngendlela umhlaba osebenza ngayo okanye ekumele ukuba usetyenziswa ngayo ikwaphantsi kwenkqubo yezolimo.

Kule nkqubo yezolimo kukho umlenze obaluleke kakhulu lowolungiswa komhlaba ngeenjongo zokuba uvelise ukutya okusemgangathweni. Kuquka ukuphethulwa nokutyetyiswa kwawo ngezichumiso eziquka umgquba.

Konke oku kwenziwa ngeenjongo zokuba kuvele isivumo esisemgangathweni kutyiwe, kuthengiswe, kungene imali. Inkqubo yolimo lokuvelisa ukutya ikwahamba nenkqubo yonkcenkcesho mhlaba okanye amafama axhomekeke emvuleni ukuba kukho imvula ezaleneyo.

Ezinye ke izinto ezilinywayo zijoliswe ukondla kwaye imfuyo yomfama lowo ngeenjongo zokuba acuthe inkcitho yokuthenga izinto zokondla imfuyo.

Kwicala lokufuywa kwemfuyo ekwabalwa nayo phantsi kwenkqubo yezolimo okanye ke ungathi ulumo nokufuya. Wona lo umlenze wokufuya ubanzi kakhulu kuba uquka zonke izinto ezigcinwe efama ngumfama ngenjongo zokwenza ingeniso ekhayeni okanye ukutya kwekhaya.

Kukho izinto ezifuywa zithengiswe kumanqanaba ahlukeneyo, umzekelo ezinye zithengiswa inyama, uboya okanye amathole wazo emancinci.

Ngoko ke kuthengiswa nje kumanqanaba onke okuphila kwezi zilwanyana zasefama. Zimbi kuzo ezi zifuywa ngenjongo yemali zivelisa ezinye iimveliso kwalapha kuzo, ezo ziquka ubisi oluthi luveke ezinkomeni nasezibhokhweni.

Ukanti iigusha zona zivelisa inyama noboya ngaxesha nye, konke oku kujoliswe kumalinge okungenisa imali kumanqanaba ohlukeneyo. Kukwakho uhlobo lweentlanzi olukwa yinxalenye yenkqubo yokufuya ehamba phambili kwezolimo.

Ukulondolozwa kwamahlathi nendalo engqongileyo nako kuyinxalenye yezolimo kuba zithengiswa zenze imali, kunye nemveliso ezininzi zasemahlathini.

Oku ke kuthetha ukuba amagosa ajongene nesigama sesiXhosa kufuneka ahlale phantsi eze negama elinye elithetha yonke lento kuthiwa zezolimo.