Ngokugunyaziswa ngumthetho wezolimo nophuhliso lamaphandle wonyaka ka1999, iSebe lezolimo eMpuma Koloni libongoza amafama ukuba aqalise ukufaka izicelo zokuncedwa lelaSebe.
Ukunceda amafama akhulayo ukuba akwazi ukwandisa umsebenzi wawo uRhulumente weli ubekela bucala imali yokuwakhulisa lamafama. Ethetha ngoluncedo kutshanje uMphathiswa welaSebe eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters uthi unqwenela ukubona oluncedo lusenza inguqu.
“Kubalulekile okokuba amafama akhule, asuke kwinqanaba lokuba ngamafama asaqalayo kodwa abe ngamafama azimeleyo,” kutsho uPieters. Kwintetho yakhe yohlahla labiwo mali kulo nyaka uPieters uthethile ngoncedo oluzakunatyiswa liSebe lakhe ukunceda amafama.
Ngelizama ukunqanda iindaba ezibubuxoki nokulahlekisa amafama elaSebe likuqinisekisile ukuba ngenene ziyafakwa izicelo. Amafama ancedwa ngeendlela ezahlukeneyo ngokuthi athengelwe izinto zokusebenza ukukhulisa umsebenzi wawo wokulima nokufuya.
“Sijikeleze apha ephondweni sinikisa ngeenkunzi zeegusha kumafama oboya ngelizama ukuphucula umgangatho woboya obuveliswa ngamafama, leyo yinxalenye yoncedo lethu kumafama,” kucacisa uPieters.
Uninzi lamafama lusoloko lugxeka uRhulumente ngoku ngawancedi amafama, maxa wambi kungenxa yokungahambi kolwazi.
Amafama azakunikwa uncedo ngokweendlela asebenza ngazo, avelisa imifuno, iinkukhu, iihagu, avelisa umbona, avelisa uboya nezinye izinto zolimo.
Ethetha namafama angamanina kuQumbu kwiveki ephelileyo uPieters uthi banqwenela ukubona ukukhula kumafama. “Ndinqwenela ukuba amafama angamanina abekho nawo kumafama athengisa iimveliso zawo kumazwe ehlabathi, akhule aqeshe abantu abaninzi logama ezingenisela imali,” kutsho uPieters.
Amafama kulindeleke ukuba aye kwii ofisi ezikufutshane kuwo zeSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle ukuze afumane amaxwebhu okufama izicelo.
“Sele ndijikeleze kwiindawo ezininzi kakhulu zephondo linikisa ngeendawo zokuchebela kumafama, oko kukubonisa inkxaso esinikisa ngayo kumafama ukuba amafama akhule kumsebenzi wawo,” kutsho uPieters.
Zininzi iindlela athi ancedwe ngazo amafama eziquka ukunikwa iinkomo zenyama, iinkomzo zobisi, iibhokhwe zoboya, iihagu nezinye.
Ukanti kutshanje uThobeka Mdakana ongunobhala wephondo leMpuma Koloni kumbutho weAfrican Farmers Association of South Africa uthi ngoku badinga uncedo lokuba imithetho elawulayo ibancedise kwiinzame zabo.
“Xa sithumela iigusha zethu kumazwe angaphandle uRhulumente uyasinceda ngokuthumela uGqirha azijonge ukuba ziphilile na, kodwa sinengxaki yemiqathango eyenza ukuba zingakhuseleki iigusha zethu, sicela oloncedo kuRhulumente,” kutsho uMdakana.
Amagosa ezolimo kaRhulumente angencedisa kumafama afuna ulwazi, ooceba nezinye iindawo zikaRhulumente ukuze amafama afumane ulwazi olusemthethweni.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike