IAfrika ixhomekeke kumaqhawe anjengoZulu

Uncame ubunenekazi wathanda iinkomo zakhe.

UAyanda Mageba Zulu wakwaNongoma eThekwini ububungqina bokuba ngenene luyakhula inani labantu abatsha beli abangena kwezolimo. UZulu ujike ingxaki yakhe yokudinga umsebenzi wayenza impumelelo ngokuthi aqalise ukulima nokufuya ngaxeshanye.

“Ndiyalima ndikwafuyile phantsi kwegama endazimisela lona elithi, Wenzokuhle Holdings, endayisungula ngokwam ngeenjongo zokwandisa umsebenzi,” ucacise watsho uZulu.

Ukuze abantu beli bakufumane ukutya kwaye bakufumane ngamaxabiso aphantsi, kufuneka amafama afana noZulu avelise ukutya.

“Ndiqale yonke le nto ngo2016 emva kokujikeleza ndikhangela umsebenzi ndingawufumani, ndathatha isigqibo sokungena ngamandla kwezolimo,” kutsho uZulu.

Enye yeemveliso zikaZulu ikhaphetshu.

Urhulumente nabezoshishino basoloko bememelela uluntu ingakumbi ulutsha ukuba luqalise ukuvelisa ukutya ngokulima nokufuya.

“Sityala iimbotyi, ikhaphetshu kwakunye nombona, kwelinye icala ndingumnikazi weenkomo zenyama, amabramani kwakunye neebhokhwe ezinentloko ebomvu,” uqhayise watsho uZulu.

Ngenxa yoxinzelelo loogxa babo, abantu abatsha abaninzi abakuboni kulikamva ukuqalisa ukulima nokufuya. Bambi bayibona yonke le nto yokulima nokufuya iyinto yabantu abadala okanye into yabantu abangafundanga.

Ukanti kukwakho abo bakubona ukulima nokufuya njengephawu lentlupheko kulowo usebenzisa le ndlela yokuphila. Ukulima nokufuya yimpendulo ingakumbi kwaba basadinga umsebenzi.