IAnkole ivelatanci kwimveliso yobisi nenyama

Iinkomo zeAnkole azikaziwa ngokukuko kweli lamazantsi weAfrika, kuba ziqale ukwaziwa kwiminyaka embalwa egqithileyo. UMongameli weli uCyril Ramaphosa yindoda yokuqala ukufumana ezi nkomo ezifumana kwilizwe laseKenya.

Oku kuthetha ukuba bake luncinci ulwazi malunga nendlela zokufuya nokukhathalela lenkomo yeAnkole.Iingcali zithi oluhlobo lenkomo luvelisa ilitha ezingamashumi amabini inkomo nganye ngosuku.

Kuthiwa iAnkole le isebenzisa iimpondo zayo ukuthoba iqondo lobushushu bomzimba wayo ukuze lihlale likumyinge ofanelekileyo.

Imvelaphi nembali yale nkomo yeAnkole ikhonjwa kweli lizwekazi laseAfrika. Inyama yayo nobisi layo lahlukile kwaye lisempilweni xa lithelekiswa nezinye iindidi zenkomo ezifumaneka kweli.

Ibhotolo eveliswe ngobisi lwenkomo zeAnkole inezondlo ezingafumanekiyo kubisi lwezinye iinkomo zobisi.

Inqatha lale nkomo limthubi ngombala, okulenza ukuba lahluke kwezinye iinkomo ezikhoyo kweli.

Amafutha ezinye iinkomo enyusa iqondo lobushushu emzimbeni logama amafutha wenkomo zeAnkole egcina iqondo lobushushu bomzimba buphantsi.

Amajoni omzimba wenkomo zeAnkole abukhali kakhulu, alwa ngamandla nezifo namanye amangenela emzimbeni okanye kwimpilo yenkomo.

Iimpawu eziphambili zale nkomo ngumzimba owakheke ngokuqhelekileyo, iimpondo ezinkulu nokuphakama komzimba. Le nkomo iyafumaneka ngemibala yonke kuxhomekeka kwimveliso yendawo leyo zifuywe kuyo.