IAnkole luhlobo lwenkomo elingxamele ukususa esikhundleni iinkomo ezininzi ezaziwayo kweli leAfrika nakwihlabathi. Imvelaphi yale nkomo ikhonjwa kumazwe aseAfrika aquka iUganda, Rwanda naseKenya kwiminyaka emininzi eyagqithayo.
IAnkole ibizwa ngeendlela ezininzi kwiindawo ezahlukeneyo zeAfrika, kodwa igama layo elithi Ankole lineengcambu ezisuka kwilizwe laseUganda.
Kuthiwa eRwanda ibizwa ngokuba yiWatusi ngokuhambelana neentlanga zelo lizwe. Le ngadluma yenkomo, eqhayisa ngomzimba wayo omkhulu oquka iimpondo ezibonakalisa ubunganga, ingene yathandwa kweli loMzantsi Afrika.
UMongameli weli loMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, ngummi weli wokuqala ukuba ngumnikazi wale nkomo yeAnkole. Imbali ithi ezi nkomo wazibona uRamaphosa etyelele owayesakuba nguMongameli eUganda uYuweri Museveni. Kamva uMuseveni wanikisa ngezi nkomo njengesipho kuRamaphosa.
Kunamhlanje kukho amafama amnyama namhlophe athe alandela emva koRamaphosa ukuthenga iinkomo zohlobo lweAnkole.
Olu hlobo lwenkomo kuthiwa belithandwa kakhulu ziiKumkani neeKumkanikazi zaseAfrika ngamaxesha angaphambili ngenxa yenkangeleko yazo.
Iinkomo zeAnkole zinendlela eyodwa yokukhusela amathole azo kutshaba, oku zikwenza ngokufaka phakathi kwazo amathole ziwakhusela elutshabeni.
IiAnkole ziphila isithuba seenyanga ngaphandle kwamanzi okanye ingca, zikwamelana ngaphandle kwengxaki neemozulu ezinzima.
Ngeminyaka yoo1930 kwapheliswa ukuhanjiswa kwezi nkomo kwamanye amazwe, kodwa ngonyaka ka1960 iinkomo zeAnkole zaqala ukuthunyelwa eMelika kwakho.
Zingamakhulu asixhenxe iinkomo zeAnkole ezigazi lingangxengwanga ezifumaneka kwilizwe laseMelika.
Ezi nkomo zivelisa inyama eneqondo lobushushu begazi eliphantsi xa ithelekiswa nezinye iinyama ezikudidi lenyama ebomvu.
Iindidi zeenkomo ezininzi kweli zivela kumazwe angaphandle kwelizwekazi laseAfrika, kodwa yona iAnkole yinzalelwane ngokudalwa kweli leAfrika.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!