UPama Bonita Tokota ufumene eyona mbasa iphezulu kwiimbasa zamanina angamafama eFeather Market Centre eGqeberha.
UMphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli leMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe, ukhuthaze la mafama ngeembasa ezihamba nemali.
Ethetha ngezi mbasa, uKontsiwe uthi, amanina kufuneka ukuba adlale indima ephambilii kwezolimo.
“Kufuneka ukuba amanina adlale indima ephambili kwimveliso yokutya eMpuma Koloni nakuzwelonke, ngamanina anembali yokugcina izibane zivutha emakhaya kwakumaxesha angaphambili,” kutsho uKontsiwe.
UTokota ngumfama weenkukhu ophuma kuMasipala wesithili saseChris Hani nonezakhono kwizifundo zokulawula ishishini. UTokota uqale ukuvelisa iinkukhu ngamantshontsho angamakhulu amabini ngoncedo losapho lwakhe.
Ngenkampani ebizwa ngokuba yiTwinbird Poultry Farming, uTokota uqeshe abantu abalishumi elinesine abaquka amanina alishumi. Le mbasa kaTokota ihamba nemali engaphaya kwekhulu lamawaka eerandi (R110 000) ngeenjongo zokukhuthaza ukukhula kweshishini lakhe.
UNontando Memani ngomnye wamafama aphumelele imbasa ngenxa yomsebenzi wenkampani yakhe ekuthiwa yi-Impilo Entle esuka kwisithili saseAmathole.
UMemani yena uphumelele imbasa yokuba ngoyena mfama uvelisa kancinci ngokuvelisa imifuno eendidi ngeendidi. Le nkampani ivelisa imifuno kuquka namachiza wemvelo aquka amayeza esiNtu, lo ngumsebenzi owaqala ngonyaka ka2021.
UNomathemba Xaba yena uphumelele imbasa yokuba ngoyena msebenzi wasefama uphume izandla, yena ephuma kuMasipala wesithili saseJoe Gqabi. Imbasa yakhe iqulethe imali ekumashumi amahlanu amawaka eerandi. Ukuzinikela nokusebenza nzima zezona mpawu ziphambili ezenze ukuba aphumelele le mbasa uXaba.
Imbasa eyodwa ekhethekileyo kaMphathiswa uKontsiwe yona ifunyenwe nguBongeka Gebhuza ongumnikazi weKhanyisa Agro-organics ezinze kuMasipala wesithili saseNelson Mandela Bay.
UTokota kulindeleke ukuba ayokumela amanina weMpuma Koloni kwiimbasa zikazwelonke ekupheleni kwalo nyaka. Le mbasa ibithathwe nguSiphesihle Kwetana wakuLubisi eMalahleni kunyaka ophelileyo.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi