Kokokuqala embalini ukuba iAfrican Agri Investment Indaba iqhube iimbasa ezikhuthaza nezinika ingqwalasela umsebenzi owenziwa ngamafama eAfrika.
Le yenye yeendibano ezinkulu eziququzelelwe ngokusekelezelwe kwiimbono zamafama amnyama aphuma kwiinkalo zonke zeAfrika.
Rhoqo ngonyaka le nkomfa iququzelelwa ikwasekwe libhunga lezolimo iAfrican Agri Council ngeenjongo zokunika amafama aseAfrika nawehlabathi ithuba lokuxoxa banzi.
Amafama asele ephuhlile kwakunye nalawo akwinqanaba elisakhulayo afumana ithuba lokuncanca ulwazi okanye abelane ngolwazi.
Kule nkomfa kulindeleke kubekho amafama, izifundiswa kwezolimo, iingcali ngezemali kwezolimo, iibhanki kwakunye nabatyali-zimali.
Abantu abangamakhulu asibhozo kulindeleke ukuba bazimase lo mcimbi, kwaye inani kulindeleke ukuba libe phezulu kunesiqhelo. Kulo nyaka uphelileyo angaphezulu kwewaka amafama asuka kweli, amazwe aseAfrika nakwihlabathi ebezimase lo mcimbi.
Ukusukela ngomhla weshumi elinesibhozo ukuya kumhla wamashumi amabini kule nyanga, kuzakuba kushukuxwa banzi iindlela zokuphucula ulimo nokufuya kwihlabathi.
Kwizithethi ezilindelekileyo kulindeleke eziphuma kweli loMzantsi Afrika, kumazwe aseAfrika nakwihlabathi.
Umxholo walo nyaka ukhuthaza ukuqiniswa kweenzame eziqhubekayo zolimo ukuze kukhule imveliso yokutya kwihlabathi. Ukusukela kunyaka ophelileyo, lo mcimbi uqhutyelwa eKapa emva kokuba ubuqhutyelwa ePitoli kwiminyaka engaphambili.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman