Iindidi zokondla imfuyo kumfama

Zintathu ezona ndlela ziphambili anokuzisebenzisa umfama ukondla imfuyo yakhe. Eyokuqala yileyo yakudala neyona ifikeleleka kwabaninzi yokuthumela imfuyo emadlelweni.

Ukuthumela imfuyo emadlelweni kuyafikeleleka kuba umfama usebenzisa ingca eyinxalenye yendalo, amanzi nezinye izinto eziyinzuzo.

Kwizilwanyana ezifana neebhokhwe, ukufuya ngokusebenzisa amadlelo endalo yinzuzo, kuba iibhokhwe ziphila kakuhle ngokutya iindidi zemithi.

Le mithi yenza ukuba amajoni omzimba weebhokhwe akwazi ukulwisana nezifo nezinye izihlaseli mzimba.

Ingxaki yokondla imfuyo ngokuyithumela emadlweni kukuba imfuyo yakho idibana nezinye, ngenxa yoko ifumane izifo nezinye iingxaki.

Ukukhwelwa ziinkunzi ongazifuniyo yenye yeengxaki ezihambelana nokuthumela imfuyo kumadlelo endibanisela.

Ngenxa yentswela mhlaba, amafama amaninzi ezilalini asebenzisa olu hlobo lokondla imfuyo yawo.

Ukuthumela imfuyo emadlelweni kunceda ukuba imfuyo yakho itsho ikwazi ukuphila ngohlobo lwendalo ngaphandle kwemiqathango, kaloku zizinto zasendle ezi.

Olunye ke uhlobo lokondla kukuba imfuyo yakho ihlale eyadini ifunzelwa ngengca egciniweyo, ilusini, imigubo yokondla namayeza athengwayo. Inzuzo yayo kukuba imfuyo yakho ikhula ngokukhawuleza logama ikwazi ukwakha umzimba ityebile.

Ngenxa yokuhlala kwindawo enye encinani, imfuyo yakho yakha umzimba wayo ngokwaneleyo ngokukhawuleza. Nangona ininzi imali oyichitha ngokuthenga amayeza, izinto zokufunzela nezinye, kodwa unethuba lokufumana imali efanelekileyo.

Azidibani lula nezifo xa zivalelwe zisondliwa ekhaya, kwaye zikhwelwa ngexesha nangendlela wena ufuna ngayo. Ukutya kumadlelo avulekileyo kwenza ukuba zibengamaxhoba okufumana izifo nezinye iingxaki.

Ziyasinda kuhlaselo lweenyoka nezinye iingxaki zasendle. Ungazithengisa nanini kuba ziba zinomzimba ofanelekileyo ngaphambi kwexesha lokukhula kwazo. Umfama owenza ngolu hlobo kufuneka ukuba abenomhlaba owaneleyo wokwenza olu hlobo lokufuya. Kula maxesha okubiwa kwemfuyo le yenye yeendlela ezilula zokufuya ukuze uqinisekise ukhuseleko lwemfuyo yakho.

Eyokugqibela kukudityaniswa kwezi ndidi zombini, zitye endle logama zikwathatha ixesha elithile zihlala ekhayeni zisondliwa.