Iingxaki zamehlo kwimfuyo

Ukuna kwemvula ngamandla eMpuma Koloni nakuzwelonke yintsikelelo eza neengxaki eziquka iingxaki zamehlo kwimfuyo. Amafama avelisa imfuyo ayazana neengxaki ezichaphazela ukungaboni kwemfuyo ngenxa yezizathu eziphenjelelwa yimvula eninzi.

Imvula ibangela ukukhula kwengca nezinye izinto eziqulathe izithako ezibangela izifo zamehlo kwimfuyo. Ziphandlwa yingca ende iigusha, iibhokhwe neenkomo ngenxa yoko zitsho zingaboni zifune ukuncediswa ukuze zikhuseleke.

UGqirha Dave Midgley yingcali kunyango lwezilwanyana. “Izifo zamehlo zizifo ezifana ncakasana nezinye izifo, ngoko ke umfama kufuneka ukuba abenawo amayeza wamehlo kuluhlu lwakhe lamayeza,” kutsho uGqirha Midgley.

Izifo zamehlo zichaphazela ngamandla ukusebenza kwamafama nje ngezinye izifo, kuphazamisa ukukhula kwemihlambi nengeniso.

“Maxa wambi zihlaselwa zizifo zamehlo logama kulindeleke ukuba zikhwelwe, okanye sele zikhwelwe, oko kuthetha ukuba amatakane ezuswini awanakuqhubela phambili ukukhula,” kutsho uMidgley.

Iigusha ngumzekelo wezilwanyana ezingathandiyo ukutya ingca ende, oku kungenxa yokuba ingca ende iphanya amehlo.

“Kufuneka umfama athintele, anyange okanye enze ezinye iinzame ukulwa izifo ezinokubulala amehlo ezilwanyana zakhe,” utsho uMidgley. Ukusetyenziswa kwamachiza ngendlela engeyiyo nako kuyayenza ingxaki kumehlo wezilwanyana.

Kubalulekile ukuba umfama angonqeni ukuthatha ithuba lokutyelela iinkampu zakhe emva kwemvula.

“Kufuneka umfama athathe imifanekiso yomyinge wengca, iividiyo ezibonisa ubude nokushukuma kwengca ezinkampani, abone nezinye izityalo ezingaqhelekanga,” uhambisa atsho uGqirha uMidgley.

Intsebenziswano nooGqirha bezilwanyana kwindawo akuyo umfama kuhlala kubalulekile ngamaxesha onke. “Kufuneka ukuba umfama aqinisekise ukuba uyaziqaphela ezo zithe zafunyanwa sisifo samehlo, ukuze zikhethwe bucala zinikwe ingqwalasela eyodwa,” utsho uMidlgey.

Iigusha, iinkomo neebhokhwe ezifunyaniswe zinesifo samehlo zisemngciphekweni wokwenzakala emahlathini okanye ukuba ngamaxhoba oodyakalashe nezinye izilwanyana zasendle.