Uninzi lwamafama obisi ayawabulala okanye awathengise amathole emva kokuba befumanise ukuba angamaduna.
Oku kungenxa yokuba begcina kuphela lawo angamathokazi ngeenjongo zokuba azale okanye aqhubeke evelisa ubisi.
Ukuzekiswa kwenkomo ngokusebenzisa incindi sesinye sezizathu ezibangela ukubulawa kwamathole angamaduna.
Ixabiso athengiswa ngalo nalo likwabonisa ukuba amafama amaninzi obisi awayikhathalelanga imveliso enokuphuma kula mathole angamaduna.
Xa ezelwe la mathole kuqatshelwa izinto eziquka iimpawu zokuba aza kuba ziinkomo zodidi ezinokugcinwa kusini na.
Ukuba azikho ezi mpawu ayabulawa okanye athengiswe ngexabiso eliphantsi, maxa wambi kusithiwa kucuthwa inkcitho yokondla.
Ukanti amanye amafama ayawaxhela ngeenjongo zokuthengisa inyama yala mathole kuba bakhona abantu abathi bayithenge ngeenjongo zokuyitya inyama yamathole.
Inyama yethole ayikaqatshelwa luninzi lwabantu abangabathengi benyama kwiimalike zehlabathi.
Kukho amafama axhela la mathole esemancinci ngeenjongo zokondla izinja zabo nezinye izilwanyana zasefama. Ilizwe laseKenya linenani elikhulayo labantu abakuqaphelayo ukubaluleka kwenyama yethole ukuba iyatyiwa.
Kumele ukuba kwenziwe uphando ngqangi ngezona zinto zinokwenziwa ngamathole ukuze kwenziwe ingeniso ecacileyo kumafama weenkomo kwihlabathi.
Xa ujikeleza kumakhasi onxibelelwano ufika amathole ethengiswa ngexabiso eliphantsi kakhulu nangona enesakhono sokuba ngawo anokujika ikamva ngokwenza ingeniso kumfama.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo