IJapan incedisa ukulwa nembalela eNamibia

Sele kuyiminyaka ilizwe laseNamibia lijijisana nembalela esele ibangele umonakalo omkhulu kwezolimo kwela lizwe.

Ngoncedo lonozakuzaku waseJapan eNamibia, uHideaki Harada, iJapan kulindeleke ukuba ityale izigidi ezisibhozo zeerandi (R8 Million) ukulwa nembalela eNamibia.

Ukusukela ngonyaka ka2012, ilizwe laseNamibia lijongene nengxaki yembalela ethe yakhula ngamandla ngenxa yeentethe ezimdaka ezihlasele ela lizwe. Imililo yamadlelo yenye yeengxaki ezibangela umonakalo omandla kwilizwe laseNamibia.

Iphephandaba laseNamibia, iWindhoek Observer, lithi le mali iza kusetyenziswa phantsi kweliso elibanzi loMbutho Wehlabathi Wokutya weZizwe Ezimanyeneyo.

Le mali iza kusetyenziswa ukuncedisa ukuvelisa ukutya nokuthenga ukutya okuzakunikwa iintsapho ezichaphazeleke ngamandla yimbalela. Ingingqi yaseKavango East neKavango West zezona zithwaxwe ngamandla yile mbalela eNamibia.

Ilizwe laseNamibia lelinye lamazwe ahamba phambili ngokulima iimveliso ezifana nengqolowa, umbona nezinye iimveliso zolimo. Ilizwe laseJapan kudala lincedisana nelizwe laseNamibia kwiinzame zokukhulisa imeko yezoqoqosho yela lizwe.

UFidelis Mwazi webunga elijongane nezolimo kwela lizwe uthi olu ncedo luzakwenza umahluko. “Amafama wethu ebekade ekwazi ukuvelisa umbona okwiitoni ezingamashumi alithoba anesibhozo amawaka, ngoku asikwazi ukufika kulo myinge ngenxa yale mbalela,” kucacisa uMwazi.

Unozakuzaku waseJapan eNamibia, uHarada, uthi bajonge ukuncedisana nela lizwe ukuze kwande imveliso yokutya.

“Sixhasa ilizwe laseNamibia kwiinzame zalo zokuqinisekisa ukuba akukho mntu ulala engatyanga eNamibia, wonke ubani makafumane ukutya,” kutsho uHarada.