Ngonyaka ka1964, amafama avelisa iinkomo zohlobo lweBonsmara kweli asungula umbutho iBonsmara Cattle Breeders’ Society.
Injongo yokuseka lo mbutho yayikukukhulisa imveliso yolu hlobo lwenkomo ngokuxhobisa amafama weBonsmara ngolwazi noncedo lonke abaludingayo.
Uhlobo lwenkomo yeBonsmara yasungulwa kweli loMzantsi Afrika nguNjingalwazi uJan Bonsma kwisikolo sophando nzulu iMara Research eLimpopo ngo1930.
Iinjongo eziphambili zikaNjingalwazi Bonsma yayikukusungula uhlobo lwenkomo eliyindibanisela eliza kumelana neemeko ezinzima zeli. Ukudityaniswa kwencindi yenkomo yohlobo lweAfrikaner neHereford kwabangela ukuba kuphume ingadluma ezidlayo yeBonsmara.
Namhlanje ungatsho ungathandabuzi ukuba le yenye yeenkomo eziphambili kweli ukuvelisa inyama yenkomo. Olu hlobo lwenkomo lufumaneka kweli nakumazwe amaninzi ehlabathi kwaye luqhuba kakuhle kwimveliso yenyama ukusukela oko lwasungulwa.
Ukusukela ngonyaka ka1930, amafama weBonsmara ebengenandlela yokumanyana de kwasungulwa iBonsmara Cattle Breeders’ Society.
Kule minyaka engamashumi amathandathu igqithileyo, iBonsmara iqhubekile ukwenza umahluko logama ikwabangela igalelo kumafama.
Ngelizama ukunika imbeko nokuhlonipha umsebenzi omhle owenziwe kule minyaka engamashumi amathandathu, kuqatshelwe umsebenzi wabantu abathile.
UEvelyn Strydom usebenze iminyaka engamashumi amane kushishino lokuveliswa kweenkomo zeBonsmara.
Kuthiwa kule minyaka engamashumi amatandathu, iinkomo ezizimazi namathokazi weBonsmara zihambe phambili ngokuthengiswa.
IBonsmara Cattle Breeders’ Society ibulela bonke abo bathe bathatha inxaxheba ukukhulisa imveliso yolu hlobo lwenkomo eMzantsi Afrika.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo