Impilo yemfuyo yingeniso kumfama

Ukuphumelela komsebenzi wokufuya kumafama emfuyo kuxhomekeke ngamandla kwimpilo yemfuyo yawo. Amafama kumele ukuba aqinisekise ukuba imfuyo yawo iphilile ngaphandle kwamathandabuzo, ukungaphili kwemfuyo kuchaphazela into eninzi. Xa imfuyo yakho ingaphilanga kakuhle emzimbeni mfama, ayinakunika imveliso eyiyo.

Kodwa xa iphilile inika imveliso nengeniso esemgangathweni. Amafama woboya awanakulindela uboya obuhle ezigusheni zawo ukuba uboya beegusha ezo busuka kwiigusha ezingaphilanga. Amafama avelisa inyama ngoku njalo awanakulindela inyama esemgangathweni ukuba imfuyo yawo ayiphilanga. Oku kuthwaxa ngamandla imali engeniswa zezi zinto sizibale ngasentla, kuba injongo yokufuya iigusha zoboya kukwenza imali, logama injongo zokufuya ezenyama ikwanjalo injongo.

Xa sithetha ngempilo yezilwanyana makhesithethe ngobushushu kwimfuyo efana neegusha, iinkomo okanye iibhokhwe. Umyinge wobushushu obusemthethweni obulindeleke kwimfuyo efana neegusha, iibhokhwe neenkomo bungamashumi amathathu anethoba. Ukuba iigusha, iinkomo okanye iibhokhwe zakho zineqondo elikulo myinge oko kuthetha ukuba ngenene ziphilile. Ukugqithisa kwalo myinge kubushushu bomzimba wemfuyo yakho kuthetha ukuba ikhona ingxaki.

Umfama angazenzela indlela yokukhangela lomyinge ngokufundiswa ligosa elijongene nempilo yezilwanyana okanye uGqirha wezilwanyana okufutshane. Uninzi lweendawo zaseMpuma Koloni sele zinabo ooGqirha bezilwanyana abakufutshane ukuba bancedise amafama.

Ukanti amafama akwaziyo okanye anemali ayamqesha uGqirha ukuba azokukhangela iingxaki zempilo zemfuyo yakhe. Ubushushu bomzimba wemfuyo obuqhelekileyo benzelwe ukuba bubulale iintsholongwane ezinokuba zihlasela umzimba wezilwanya ezo. Ngoko ke akumele ukuba obu bushushu bugqithise, logama kungalunganga ukuba bubengaphantsi komyinge oqhelekileyo.

Xa uzenzela uvavanyo lobubushushu emzimbeni wezilwanyana zakho kubalulekile ukuba wenze kwakusasa. Kaloku ubushushu belanga eli lendalo bungongeza ubushushu bomzimba wesilwanyana sakho. Xa kusapholile lingekatshisi ilanga ufumana ubushushu obusesiqhelweni emzimbeni wesilwanyana.

Ubushushu obugqithisileyo emzimbeni wesilwanyana sakho kungancedisana neentsholongwane ezininzi ezihlasela umzimba wesilwanyana. Ukuzakhela iindawo ezikhuselekile zokuba zizifihle mhla ngelanga kubalulekile. Ezinkampini makubekho amanzi aneleyo, imithi yokuba zisithele nezinye iindlela zokuzikhusela kwilanga eligqithileyo.