Indlela eyiyo yokutyala itswele

Itswele sesinye sezityalo ezingasokolisiyo xa ulilima, kwaye sixhathisa kakhulu nembalela, ilanga nezinye iimeko. Lisoloko likhona kwizityo zemihla ngemihla kumakhaya amaninzi entlaweni, kaloku zimbalwa izityo eziphekwa ngempumelelo ngaphandle kwetswele.

Ukulima kulula kuba nomncinci umfama, nosaqalayo angakwazi ukulilima ngaphandle kwengxaki. Lithanda kakhulu ukulinywa kumhlaba olungisiweyo, umhlaba ongabambenanga. Alikuthandi kakhulu ukuncediswa ngezichumiso, kodwa zingafakwa ke ngabo banazo izichumiso.

Xa kubalwa imifuno encedisayo kwizifo zentliziyo nalo liyabalwa. Linendidi eziliqela ke itswele, likhona elimhlophe, elibomvu nezinye ke iindidi zetswele.

Ukutyumba ixesha elifanelekileyo lokutyala itswele kubaluleke kakhulu, ngoko qinisekisa ukuba ixesha otyala ngalo lixesha elifanelekileyo.

Ixesha laseNtlakohlaza lelona lifanelekileyo ukutyala itswele, kaloku umhlaba uthambile kwaye uqala ukuba shushu ngeli xesha. Umyinge weqondo lobushushu obufunwa litswele lishumi kuphela ngokwamaqondo obushushu bomhlaba. Ukulungiswa komhlaba kuhamba phambili ke xa ufuna ukutyala itswele, likholana ngamandla nomhlaba.

Umhlaba onomgquba wendalo ubaluleke kakhulu xa utyala itswele, litsho likhule ngoku khawuleza. Ukufaka umgquba wendalo kulenza lityebe logama umgquba ukwancedisa ukulungisa amaqhekeza omhlaba wakho. Ukukhetha uhlobo olululo letswele xa utyala itswele kubaluleke kakhulu nako, funa ulwazi ngolona hlobo letswele lifanele umhlaba wakho.

Uhlobo letswele olityalayo malihambelane nemeko yemozulu yendawo ohlala kuyo, lihambelane neemeko zendlela zokukhulisa olohlobo letswele.

Izithole zetswele zifumaneka lula kumaziko athengisa izithole, sabela, ubuze ngamandla phambi kokuba uthenge izithole. Chaza umhlaba wakho, umyinge wobushushu bendawo yakho, nendlela imvula ena ngayo kwindawo ofuna ukutyala kuyo elo tswele lakho.

Izithole zakho mazingene kangangemitha emhlabeni, uvule umgama wemitha ezisixhenxe phakathi kwezithole. Itswele lidinga ukufakwa amanzi rhoqo ingakumbi xa lityalwe ngexesha lasebusika.

Amanzi mawafakwe kanye kwisikhondo setswele, kaloku elona tswele leli lisezingcanjini ingakumbi xa utyale eli limdaka ngombala.

Emva kweveki ezimbili okanye ezintathu ungasifaka isichumiso sakho kwitswele lakho mfama. Xa sele limilile itswele lizakubonisa ngokuba likhule igqabi eliluhlaza.

Kufuneka ukuba uzame ukukhupha isikhondo salo ngaphandle sifumane ilanga, umoya namanzi. Oku kwenza ukuba likhule ngamandla, libelikhulu lilungele ukuthengiswa ngexesha elifanelekileyo.

Xa likhule ngokwaneleyo itswele linyuka livelise igaqa apha entloko yetswele, khumbula ke ukuba elo gaqa limumethe amagaqana ajika abeyimbewu. La magaqa asentloko yegqabi letswele ayoma xa kufike ixesha lokuba livunwe itswele.

Elo ke luphawu lokuba itswele lakho lilungele ukutyiwa, ukuvunwa lithengiswe. Kukho iingxelo zokuba itswele elibomvu liqulethe izakha mzimba ezininzi ezingafumanekiyo kwezinye iindidi zetswele. Kungoko kukhuthazwa ukuba oluhlobo letswele libekhona kumatswele owatyala emhlabeni wakho mfama.