Indlela yokutyebisa iinkomo zokuxhela

Amafama asoloko ekhangela indlela eyiyo yokuvelisa iinkomo ezityebileyo ezinokuthengiswa ngexabiso elizakwenza ingeniso.

Ngeli xesha lonyaka amafama asezilalini asebenza nzima eqinisekisa ukuba ziyahamba iinkabi ezityetyisiweyo okanye ezifanelekileyo.

Nazi ke iindlela zokutyebisa iinkomo zakho mfama ukuze uthengise ngexabiso elihambelana nenkcitho oyenzileyo.

Ngaphandle kokutyebisa iinkomo zokuxhela kukwabalulekile ukuba iinkomo zakho zifumane isiqubo okanye umzimba obunzima busexabisweni.

1. Isicwangciso sokutyisa iinkomo sibalulekile xa uzama ukutyebisa okanye uzama ukunika iinkomo obunzima obufunwa ngabathengi.

a. Kumele ukuba iinkomo zinikwe ukutya kabini ngosuku, oku kunceda ukuba iinkomo zikwazi ukufumana ithuba lokwetyisa ukutya esiswini

b. Kubalulekile ukuba iinkomo zakho uzityise ukutya okunezondlo ezinika amandla, oku kukwancedisa ukucola ukutya esiswini.

c. Beka iliso kumyinge wokutya okutyiwa ziinkomo zakho. Oku ukwenza kwinkomo nganye ukuze uqaphele ukuba iyakugqiba okanye ayikugqibi ukutya kwayo. Xa ingakugqibi ukutya oko kuthetha ukuba ikhona ingxaki. Khawulezisa ke uqaphele imeko yempilo yayo ukuze uthathe amanyathelo.

2. Xa iinkomo zisitya ngolu hlobo, kufuneka ukuba zinikwe amachiza okukhupha iintshulube, oku kuncedisa ukuba zihlale zikulangazelela ukutya. Azinakuba namzimba xa zineengxaki yeentshulube esiswini.

a. Kufuneka iinkomo zakho zigonywe ngokusemthethweni ukuze zikhuseleke kwizifo zonke ezihlasela impilo nomzimba wenkomo.

3. Mazihlaselwe izigulo zingekanabeli phambili kwimpilo yeenkomo zakho. Ukurhuda nokukhohlela ziingxaki ezifuna ukuqwalaselwa ngokukhawuleza ukuze ulwe iingxaki kwimpilo yeenkomo zakho.

Ukukhula kwengeniso yakho mfama kuxhomekeke ngokumandla kwinkcitho oyenza ukukhathalela iinkomo zakho. Oku kwenza ukuba ubize nelinjani ixabiso ngenkomo yakho xa uthe wachitha imali yokuyondla nokuyikhulisa.