UMongameli wePAC uMzwanele ‘Teenage’ Nyhontso unikwe uxanduva oluhambelana ncakasana neenjongo eziphambili zombutho wakhe iPAC.
Ukunikwa ithuba lokuba akhokele isebe lohlengahlengiso lomhlaba nophuhliso lwamaphandle lithuba lokuba kuzalisekiswe iphupha lePAC.
I-PAC yaphuma kwiANC ngo1959 emva kokuba bengavani ngeembono zabo malunga nokubuyiswa komhlaba ubiyiselwa kubanikazi bawo.
UMongameli wePAC nongumseki wayo, uNjingalwazi Mangaliso Sobukwe, wagxila ngokucacileyo kwangoko kwimbono yokuba mawubuyiswe umhlaba wabantu abamnyama.
Ngexesha lobutsha babo kwiANC, uSobukwe, Mandela, Lembede nabanye baswantsuliswa ngamandla ngumcimbi wokungavumelani ngendlela yokubuyiswa komhlaba.
UMongameli uCyril Ramaphosa uyihlabe esikhonkosini ngokunika eli duna lakuCentane ithuba lokuba liqhubele phambili iinkqubo zenguqu malunga nomhlaba.
Uphuhliso lwamaphandle yenye yeengxaki ezinokubangela ukuba uqatshelwe uqaqambe umbutho wePAC.
Uxanduva oluphambili lukaNyhontso kukuqhubela phambili iinkqubo zokwabiwa ngokutsha komhlaba, okanye ukwazisa iinkqubo zakhe ezintsha.
Zimbi kwiingcali nabahlalutyi bezopolitiko, bakholelwa ukuba iANC imphosele ibhola eshushu uNyhontso. Angakwenza konke oku uNyhontso ngempumelelo xa enokusondeza kuye amadoda aquka unobhala wePAC uApa Pooe owucacisa kakuhle umcimbi wokwabiwa ngokutsha komhlaba.
Angaqesha izifundiswa ezimbono zazo zisekelezelwe kwiimbono zokubuyiswa kobuAfrika, ukuzingca nokuzithemba kwamaAfrika.
Ukuqhubela phambili iinkqubo ebezibekwe ngumbutho weANC kuya kumenza ukuba asilele, abonwe njengomntu ongayazanga into ayifunayo.
Umbutho weDA uzakuba ngumzekelo omhle kuNyhontso kuba awuthembisi ngakuqhubela phambili imigaqo nkqubo yeANC. Ngoko ke, uNyhontso kumele ukuba azeke mzekweni emisela imigaqo nkqubo emitsha.
Amafama anikwa iifama ezibolekisa iminyaka engamashumi amathathu, kumele ukuba agxile ngamandla kwezi nkqubo aqwalasele indlela yokunika abantu umhlaba ngokupheleleyo. Ukuba kumele ukuba enze utshintsho, enze njalo ngaphandle kokoyika ukuze uhlonitshwe umbutho wakhe.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!