Uninzi lwamadoda angamafama kwiilali zeMpuma Koloni bazithengela oogandaganda xa beza kuqalisa umsebenzi wokulima nokufuya.
Abanye babo basebenzisa imali yabo yomhlala phantsi emva kokusebenza iminyaka emininzi. Injongo ephambili iba ikuku zixhobisa ngesona sixhobo siphambili kulimo – ugandaganda.
IEntsimini ijikeleze kakhulu kumafama amnyama asezilalini ukusukela ngonyaka ka2019, saza saqaphela ukuba baninzi oogandaganda abamileyo.
Ukuba zimile kuthetha ukuba azisebenzi ngenxa yeengxaki ezininzi ezibangelwa zizizathu ezahlukeneyo. Xa sincokola namafama sifumana izizathu eziliqela ezingunobangela woku. Esona siphambili kukuba amafama wakuthi athenga ugandaganda enolwazi oluncinci ngendlela yokumsebenzisa.
Ngamashumi amane ekhulwini oogandaganda bamafama amnyama abamileyo emakhaya bengasebenzi ngenxa yeengxaki. Bambi bema bengekaqalisi ukwenza umsebenzi okanye ukubuyisa imali abathengwe ngayo. Kwilali nganye eMpuma Koloni ufumana amakhaya amahlanu enogandaganda, kodwa kuwo ufika lilinye elinogandaganda osebenzayo.
Lo monakalo uthwaxa ngamandla ukukhula kwala mafama kwezolimo, kaloku aba gandaganda benzelwe ukwenza imali. Ngaphandle kokwenza imali, beze kunceda umfama ukuba azilimele ngexesha afuna ngalo ngendlela afuna ngayo.
Amafama anoogandaganda ayakwazi ukuba ngabanikazi bamasimi amaninzi ngemboleko nezinye iindlela ngaxeshanye.
Xa umfama onogandaganda eqeshiwe ukuba alime igadi ubiza imali ephakathi kwamakhulu amathathu namashumi amahlanu ukuya kumakhulu amane.
Oku kuya xhomekeka kwindawo leyo umfama akuyo, kuba kwezinye iindawo kubizwa kancinci, logama ezinye iindawo zibiza kakhulu.
Ubungakanani begadi nabo budlala indima enkulu koku, kuba xa inkulu nemali iyenyuka. Oku kuthetha ukuba amafama athenga ugandaganda ngenjongo ecacileyo yokuba azenzele imali.
Ukufa kwaba gandaganda kuthetha ukuba amafama abanelahleko emandla, kunyanzeleka ukuba aqeshe okanye athenge izixhobo zokuvusa oogandaganda yonke imihla.
Oku konke kuthetha ukuba iinkampani ezithengisa aba gandaganda kumele zithathe uxanduva lokufundisa amafama.
Ngaphandle koko, kumele ukuba ezi nkampani zikwenze kube lula ukufikelela kwamafama kuncedo xa zingasebenzi ezi zixhobo. Ixesha lasehlotyeni lixesha apho bafuneka ngamandla oogandaganda, kodwa babe bengafumaneki.
Eli lixesha apho kumele ukuba kudityaniswe izandla ngamagosa kaRhulumente, amafama neenkampani ezithengisa oogandaganda kusonjululwe le ngxaki.
Kukho iilali ezinoogandaganda abangaphezu kweshumi abamileyo abangasebenziyo. Oku ngenene kuthetha ukuba ikhona ingxaki ekumele ukuba iqwalaselwe. Uva umfama ongumnikazi wogandaganda esithi, ‘Ingxaki yiHadroliki.’
Zikho iinkampani ezilithathayo uxanduva lokufundisa amafama banzi ngogandaganda phambi kokuba bathengiswe, zonke kumele ukuba zenze njalo. Ukusetyenziswa kwaba gandaganda ngaphandle kolwazi olufanelekileyo kokona kubangela ingxaki kumafama asakhulayo.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!