Ingxaki yokunyuka kombane kumafama

Amafama ngawo avelisa ukutya ngokulima nokufuya izinto ezithi zityiwe kumakhaya kwihlabathi lonke imihla ngemihla.

Ukulima kusenziwa ukutya yinxenye yale nkqubo isebenzisa umbane, ukufuya nako kusebenzisa umbane ngaphandle kwamathandabuzo.

Oku kuthetha ukuba kumele ukuba uRhulumente enze ulungiselelo olulodwa ukukhuthalela amafama ngokwemveliso yombane.

Umbane usetyenziswa efama ukulayita, ukunkcenkceshela, ukwenza ukutya kwemfuyo nokutsala amanzi ukuze kusele imfuyo. Ukuba ngenene uRhulumente uxhalabile ngemveliso.

INational Energy Regulator of South Afrika ipasise ukunyuswa kombane ngenyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka.

Oku kunyuka kombane kwenzeka logama amafama ejongene nengxaki yombane ongathembekanga. Ezifama umbane umka yonke imihla ngenxa yomoya nangenxa yendudumo nemibane, konke oku kuphazamisa umsebenzi nenkqubo yokuvelisa ukutya.

Eli xabiso lokunyuka kombane lenziwa kanye ngexesha apho ilizwe lijongene nengxaki yocimicimi osaqhubekayo. Kuthiwa ukunyuswa kombane kuhambelana neenzame zokuqinisa amadolo kaEskom ukuba omelele ukwenza umsebenzi wabo wokunkinkisha.

Ukunyuka kwexabiso lombane kumafama kunganyanzela ukuba amafama anyuse ixabiso leemveliso zawo.

Amafama aqhuba kakuhle ngalawo asebenzisa ezawo iindlela zokuvelisa umbane. Amanye amafama abhenela kumbane ophehlwa ngelanga ochazwa ukuba uxabisa kancinci xa uthelekiswa nombane wakwaEskom.

UDawie Maree ujongene nezolimo kwibhanka yakwaFNB uyakungqina ukuba ngenene ikhona ingxaki.

“Amafama asebenzisa umbane kaMasipala asengxakini, ingakumbi ngenyanga yeKhala, ngaphandle kokunyuka kwamaxabiso ombane, amafama asajongene nengxaki yeemveliso abasebenza nazo ezifana nezichumiso ezinamaxabiso anyuka oko,” kucacisa uMaree.

Amafama avelisa inyama ngamanye aza kubetheka kakhulu ngenxa yokunyuka kwexabiso lombane. UIzaak Breitenbach weSouth African Poultry Association uthi ngenene basengxakini ngokunyuka kombane.

“Oku kunyuka kombane noko kunyuke ngaphezu kokuba besicingele, oku konke akuzukusiphatha kakuhle kwimveliso yenyama yenkukhu kuzwelonke,” kutsho uBreitenbach.