INigeria ihamba phambili ngeebhokhwe eAfrika

Iibhokhwe efama. Umfanekiso: Narong KHUEANKAEW/iStock

Ngamashumi asibhozo anesibhozo ezigidi iibhokhwe ezikwilizwe laseNigeria, oku kulibeka ela lizwe kwindawo yokuqala kumazwe aseAfrika ngokufuya iibhokhwe.

INigeria ilandelwa yiEthiopia kuze kulandele iChad kwindawo yesithathu.

Iibhokhwe ziyinxalenye yempilo yabaninzi kwilizwekazi laseAfrika ngenxa yamasiko nezithethe kwanokuthengiswa kwenziwe imali. IChad lineebhokhwe ezingamashumi amane anethoba ezigidi, logama iEthiopia yona iqhayisa ngeebhokhwe ezikumashumi amane anesithandathu ezigidi.

Nangona iibhokhwe zijike zayenye yeendlela zokwenza imali ephambili eMzantsi Afrika, kodwa eli alikho kumazwe alishumi elinanye aphambili avelisa iibhokhwe kwihlabathi.

Eli xesha lokuphela konyaka lixesha apho uninzi lwabantu beli baxakeka besebenzisa iibhokhwe kumasiko nakulonwabo lwabo. Ixabiso elithengiswa ngalo ibhokhwe ngoku libonisa ukuba ngenene amafama kumele ukuba aqalise ukuthengisa okanye ukuchitha imali yabo kwiibhokhwe.

INigeria ihleli kwindawo yesithathu kwihlabathi ngokuba lelona lizwe livelisa inani leebhokhwe eliphambili. Ilizwe laseIndiya lihamba phambili kwihlabathi ngokuba lelona lineebhokhwe ezininzi ngekhulu namashumi amahlanu ezigidi, lilandelwa lilizwe laseChina ngekhulu namashumi amathathu ezigidi.

Iibhokhwe ziphila lula ngokuba zitya ingca neendidi zemithi ezikhula endle ngaphandle kwengxaki. Incinci imali echithwa ngumfama ukuthenga amayeza okunyanga iibhokhwe, ziyakwazi ukuphila ngaphandle kokunyangwa kuba ziyazinyanga.

Uninzi lwamazwe aseAfrika avelisa iibhokhwe ngeenjongo zokuqhubela phambili amasiko nezithethe, ze amafama ambalwa enzele ukuthengisa.

Ilizwe laseAustralia lihamba phambili ngokuba lelona lizwe lithengisa inyama yebhokhwe kwihlabathi. Inyama, ubisi kwakunye noboya beebhokhwe zezinye zezinto ezithengiswayo kumzimba webhokhwe.

Ukufuya iibhokhwe iselelinye lamathuba amahle amafama asaqalayo anokulilandela, akukho nkcitho ingako ilindeleke kumfama oqala ukufuya iibhokhwe. Umfama kumele abenendawo yokuba zitye, amanzi kwakunye nendawo yokuhlala ekhuselekileyo.