Umbutho i-International Fresh Produce Association uzakuba udibanise amafama aphuma kwihlabathi eKapa ekuqaleni kwenyanga yeThupha ngelizama ukhuthaza ukuveliswa kokutya.
Kukho iingxelo zokuba liyehla mihla le izinga lokuveliswa kokutya kwihlabathi ngeenkqubo zolimo, kwaye oku kuchaphazela amaxabiso okutya.
Le nkomfa kulindeleke ukuba iqhube ukusuka ngomhla wesihlanu ukuya kowesithandathu kwinyanga ezayo.
UJane Strydom nguye oququzelela lo mcimbi kweli loMzantsi Afrika egameni leInternational Fresh Produce Association.
“Sinovuyo olukhulu ukwazisa ukuba sizakuba sinale nkomfa eza kuxoxa banzi ngeendlela zokukhulisa imveliso yokutya kwihlabathi ezakuba ibanjelwe eCentury City eKapa,” kucacisa uStrydom.
IKapa kudala labanomtsalane kwiinkomfa ezikumgangatho wehlabathi, kuthiwa likhulile inani leenkomfa ezikumgangatho wehlabathi eKapa.
“Injongo ephambili yokusingatha le nkomfa kukunika amafama nabo bonke abachaphazelekayo ithuba lokuba baxoxe, bendawonye besabelana ngeendlela zalamaxesha zokwenza izinto,” kutsho uStrydom.
Ngomhla wesihlanu kweyeThupha kuza kubanjwa umcimbi wokwamkela iindwendwe eziphuma kumagumbi omane omhlaba, kuquka amafama wehlabathi.
“Amafama angamalungu weInternational Fresh Produce Association amkelekile, amafama angengomalungu nabo bashishina ngokuthengisa iimveliso zolimo nabo siyabamkela ngokunjalo,” kucacisa uStrydom.
Kukwalindeleke ukuba amafama avelisa ukutya abonise ngeemveliso zawo ezi ntsuku zombini zokuqhubeka kwalo mcimbi.
“Amafama aza kufumana ithuba lokufundisana ngeendlela ezihambelana nalamaxesha zokulima nokukhulisa imveliso, aza kufumana nethuba lokwabelana ngeenombolo zomnxeba ngokunjalo,” kutsho uStrydom.
Iphondo leNtshona Koloni lelinye lamaphondo ahamba phambili kwiimveliso zolimo eziquka idiliya, intlanzi ezindidi kwakunye neemveliso zeorenji.
“Iingxaki ezibangela ukulibaziseka kwemithwalo ehanjiswa ngolwandle zezinye kwimicimbi eza kuxoxwa kule nkomfa, aza kufumana ulwazi amafama ngaphandle kwamathandabuzo,” kutsho uStrydom.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo