Uhlobo lweenkomo zeHereford zidalwe ngokuhambelana ncam neemeko zemozulu zephondo leMpuma Koloni. Le nkomo imvelaphi yayo ikhonjwa kwindawo ekuthwa yiHerefordshire kwelaseNgilane, kwaye yaqatshelwa ngo1742.
Ngonyaka ka1817 kubhalwe incwadi enika amafama ulwazi olunzulu ngeenkcukacha zale nkomo yohlobo lweHereford.
Ukusukela ngonyaka ka1840 le nkomo iqale ukuthunyelwa nakwezinye iindawo zehlabathi ngeenjongo zokuba yaziwe ubunganga bayo. KwelaseMelika kusungulwe umbutho iAmerican Hereford Association ngonyaka ka1880 ngeenjongo zokukhulisa imveliso yale nkomo.
Le nkomo yeHereford njengazo zonke iqhayisa kakhulu ngombala obomvu okhatshwa ngumbala omhlophe kwiindawo ezithile zomzimba.
Ayiphakamanga kakhulu, inemilenye emifutshane nomzimba oxande ngokwaneleyo. Konke oku kwenza ukuba ikwazi ukumelana neemeko ezinzima neziguqukayo zendalo. Imbalela nezifo azigqithi lula kule nkomo ngenxa yokuba iyamelana neemeko ezingaqhelekanga.
Nangona ingavelisi ubisi, kodwa ingumakhwekhwetha wokuvelisa inyama yenkomo esemgangathweni njengezinye iinkomo zenyama. Amathole ale nkomo akhula ngokukhawuleza ingakumbi xa ephila ngendlela efanelekileyo.
Oku kwenza ukuba inyama yayo ilungele ukungena emalikeni ngokukhawuleza. Le nkomo yeHereford ivelisa inyama esemgangathweni ophezulu kakhulu, ngenxa yoko iyabalwa kwiinkomo zenyama ezaziwayo kweli nakwihlabathi.
Le nkomo yeHereford ifike kweli loMzantsi Afrika ngonyaka ka1850 ngokuthengwa ngamafama athile eMpuma Koloni, amafama aseNatal alandela emva koko.
Ngo1917 kusungulwe umbutho iSouth African Hereford Breeders Society neyathi yabangela ukunaba kolwazi malunga nale nkomo. Uninzi lwazo azithwali bele likhulu oko kwenze ukuba zingakwazi ukuvelisa ubisi oluninzi.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!