Inkxalabo ngokunyuka kwexabiso lombona omhlophe

Inkxalabo ngokunyuka kwexabiso lombona omhlophe. Umfanekiso: Reddit

Umbona omhlophe udlala indima enkulu ngeendlela ezininzi kumsebenzi wamafama kweli lizwe njengoko uvelisa nezinye iimveliso zokondla imfuyo.

Iingxelo ezikhutshwe ngabakwa’Agricultural Business Chamber ziqinisekisa ukuba ngenene liza kunyuka ixabiso lombona omhlophe kwisiqingatha sokuqala salo nyaka ka2025.

Imveliso yombona kunyaka ophelileyo kweli igagene nengxaki yokunqongophala kwemvula okuthwaxe ngamandla umgangatho wombona omhlophe nobomvu.

Ingxelo yeSouth African Cereals and Oilseeds Trade Association ithi uMzantsi Afrika unyanzeleke ukuba uthenge umbona omhlophe kumazwe angaphandle okokuqala kwiveki ephelileyo ngenxa yale meko. Ukunyuka kwexabiso lombona omhlophe kuphenjelelwa kukuba unqabile ngenxa yokuhla kwezinga lemveliso yawo ebangelwe yimbalela.

UWandile Sihlobo wakwa’Agbiz uthi le meko iza kunyanzela amafama ombona omhlophe ukuba anyuse amaxabiso nangakumbi.

“Ingakho inguqu, nangona ingaqinisekiswanga kwisiqingatha sesibini sonyaka ka2025, kodwa iza kuba sele yenzekile ingxaki kubathengisi nakubathengi bombona omhlophe,” utsho uSihlobo. Uthi itoni enye yombona omhlophe kungoku nje ithengiswa ngamawaka amathandathu eerandi kwaye oku akuniki mfanekiso umhle ngemeko yokuveliswa kombona.

“Oku kuthetha ukuba ixabiso lombona omhlophe linyuke ngamashumi amahlanu anesihlanu eepesenti xa kuthelekiswa nexabiso lombona lonyaka ophelileyo,” uhambisa atsho uSihlobo.

Kuthiwa ilizwe loMzantsi Afrika lisebenzisa umbona okumakhulu amane namashumi amabini amawaka eetoni ngenyanga.

UGqirha Andrea van der Vyver uthi uMzantsi Afrika wagqibela ngo2017 ukuthenga umbona omhlophe kumazwe angaphandle.

“Kulindeleke ukuba kuqhubeke oku de imeko ibuyele esiqhelweni, kodwa akukho themba likufutshane ngenxa yembalela ehlasele ilizwe loMzantsi Afrika ezakwenza ukuba ubemncinci kwakho umbona omhlophe ozakuvunwa,” kutsho uvan der Vyver.