Inomlawuli omtsha iCitrus Growers Association

Umlawuli omtsha weCitrus Growers Association, uGqirha uBoitshelo Ntshabele.

UGqirha uBoitshoko Ntshabele uza kungena njengomlawuli omtsha weCitrus Growers Association (CGA) ukusukela ekuqaleni kwenyanga ezayo. Ulwazi namava wakhe njengoGqirha wezilwanyana zezinye zezixhobo axhobe ngazo ukuze akhokhele amafama weemveliso zeorenji kweli nangaphandle koMzantsi Afrika.

I-CGA ngumbutho owasungulwa ngeenjongo zokuncedisa amafama ukuba akhule kwiimveliso zeorenji, kwaye unamalungu eZimbabwe, eSwatini naseNamibia.

UGqirha Ntshabele usebenze kwiSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle isithuba seminyaka emihlanu. Ukwanamava okusebenza kumzi wozakuzo weli kwilizwe laseBelgium egxile ngokukodwa kwiinkqubo zezolimo. UNtshabele ungena ezihlangwini zikaJustin Chadwick obambe esi sikhundla ixesha elide ephuhlisa amafama akwiwaka namakhulu amahlanu kweli loMzantsi Afrika.

“Ndikulungele ukuqhubela phambili iinkqubo zokuphuhlisa amafama weemveliso zeorenji kweli nakumazwe angamalungu ethu,” kutsho uNtshabele.

Ukanti umlawuli ophumayo walo mbutho, uChadwick, uthi uzibona esikelelekile ngokunikwa ithuba lokuba akhokele lo mbutho isithuba seminyaka engaka.

“Kubelithamsanqa kum ukuba ndinikwe ithuba lokuba ndikhokele umbutho ofana neCitrus Growers Association isithuba seminyaka engamashumi amabini anesihlanu,” kutsho uChadwick. Uhambisa athi akathandabuzi ukuba ngenene uNtshabele uza kuwuphatha kakuhle lo mbutho.

Ukuqeshwa kukaGqirha Ntshabele njengomphathi weCGA yinxalenye yeenguqu ezenziwa kushishini lokuveliswa kweemveliso zeorenji kweli. Amafama amhlophe kweli alithathele kulo ushishino lweemveliso zeorenji ixesha elide.

“Ndizimisele ukusebenzisa eli thuba ukuguqula ukukhula kwemveliso yeemveliso zeorenji ukuze senze igalelo elicacileyo kwimeko yezoqoqosho yelizwe loMzantsi Afrika,” kucacisa uNtshabele.

Ngenyanga yoKwindla kuza kuqhutywa inkomfa yaminyaka le neza kuba iqhutyelwa eBoardwalk eGqeberha.