Ihagu sesinye sezilwanyana ekudala sikhona phakathi kwentlalo yoluntu ingakumbi ezilalini. Kuthwa yaqatshelwa ubukho bayo ezindle ngeminyaka yo1200, yaza emva koko yathathwa yagcinwa emakhaya nje ngemfuyo.
Kodwa ke zisekho ezo zizihlalela endle ziphila ngokutya ingwenye neenqoba zingondliwa. Kula maxesha amafama amaninzi ayakuthanda ukufuya iihagu kuba sesinye sezilwanyana esifuyeka lula ngaphandle kwengxaki.
Siyaphila nokuba asityiswanga ngamachiza okuyinyanga, iyaphila ihagu nangokutya izinto zendalo ezijika zibengamayeza emzimbeni wayo.
Ngoko ke ungathi ihagu ifuyeka lula kunezinye izinto ezifuywe efama, kodwa inegalelo elihle lezezimali. Uninzi lezinto ezifuywe efama zizala kanye ngonyaka, ihagu izala kabini ngonyaka omnye.
Ihagu ikunika abantwana abasixhenxe ukuya kwabalishumi elinesibini ngexesha elinye. Ezinye izinto ezifuywe efama zizala kanye ngonyaka, kwaye zizala umntwana abamnye ngexesha.
Intshontsho elinye lehagu ungalithengisa emva kweenyanga ezimbini ukuya kwezintathu, oku ungakwenza ngexabiso lemali ezirandi ezingamakhulu amathathu ukuya kwamahlanu.
Ikhula igqibelele ihagu kwisithuba seenyanga ezilithoba kuphela, kwaye ingaphila isitya izinto ezingathengwa xa imeko inzima kumfama.
Kaloku ihagu iyakwazi ukuphila iintsuku isitya izinto eziluhlaza ezixhwithwe egadini. Ngolohlobo iyakwazi ukuncedisana nawe ukucoca iyadi yakho, logama izondla kwelinye icala.
Xa uthengisa ihagu epheleleyo mfama, ungayithengisa ngemali ekumawaka amabini eerandi ukuya kumawaka amahlanu eerandi. Oku kuthetha ukuba ngenene ininzi imali xa uphila ngokufuya ihagu ngokusemthethweni.
Incinci imali oyichitha ngokuthenga amayeza kuba azifane zigule iihagu, zithanda nje indawo epholileyo zikwathanda namanzi xa zinxaniwe.
Ukuze umfama akwazi ukuqhubeka kakuhle nokufuya iihagu zakhe ngaphandle kweengxaki kufuneka ungonqeni ukufunda ulwazi olutsha.
Ungafunda ngokuhamba kwamanye amafama afuye iihagu, okanye ngokuya kwiindibano ezifundisa amafama. Ngaphandle koko zikhona iinkampani ezijongene ncakasana nomsebenzi wokufundisa amafama aqalayo iindlela zokufuya iihagu. Kufuneka ke ukuba uzazi izinto zokuqala omele ukuziqaphela nokuzifunda xa ufuna ukufuya iihagu.
Indawo ozakufuyela kuzo iihagu mayakhiwe ngokufanelekileyo, ihlale ikhuselekile icocekile ngoku njalo. Ukuthabatha isigqibo ngohlobo lwehagu ofuna ukuyifuya kubalulekile, kaloku zininzi iindidi zeehagu ezikhoyo.
Xa ukhangela ulwazi uzakukhangela ulwazi oluhambelana ncakasana nohlobo lwehagu ofuna ukuyifuya. Kodwa ke kulungile ukufunda nangezinye iindidi zehagu.
Indawo ozakufuyela kuyo iihagu zakho kufuneka ibeyindawo engazukwenzela ingxaki nomthetho olawula indawo okanye ilizwe ohlala kulo.
Indawo osebenzela kuyo kufuneka ukuba ibekufutshane nendawo ozakusebenzisana nazo. Iindawo ozakuthenga kuzo ukutya, iindawo ozakuthengisa kuzo, neendawo ezinolwazi noGqirha bezilwanyana.
Ihagu ithengiswa kumanqanaba amaninzi, ithengiswa ihleli, ithengiswa iyinyama kungene imali kumfama. Kufuneka ube nesicwangciso sokuthengisa inyama yakho okanye iihagu zakho eziphilayo. Ukusungula ubudlelane neenkampani ezisebenza ngenyama yeehagu kubalulekile.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini