ISteyr 4120: Ugandaganda wonyaka ka2025

Ugandaganda wohlobo lweSteyr 4120 uphumelele njengogandaganda wonyaka ka2025. Umfanekiso: Steyr Traktoren/Ondrej Totzauer

Indibanisela yobuxhakaxhaka balamaxesha kwakunye nobuchule bokukwazi ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye sesinye sezizathu ezibangele ukuphumelela kweSteyr 4120.

Minyaka le kudibana iingcali zeentatheli zolimo kukhangelwa owona gandaganda ohamba phambili nethi utyunjwe njengowona uphambili kunyaka olandelayo.

Nangona sele zibalisa ngembali kweli leMpuma Koloni aba gandaganda, kodwa bakhe balifumana ithuba lokuba ngowona gandaganda uhamba phambili ngexesha lorhulumente waseTranskei.

Iijaji zivumelene ukuba lo gandaganda uthwele zonke izinto ezifunwa ngumfama xa efuna ukuzalisa iimfuno zokulima kwakhe. Amafama kwihlabathi asoloko efuna ugandaganda othembakeleyo, owenza konke ngexesha elifanelekileyo ukuze kufumaneke iziphumo ezilindelekileyo.

Le Steyr 4120 yakhiwe ngendlela ehambela neemeko zeendawo ezahlukeneyo zehlabathi kuquka nelizwekazi laseAfrika elinezona ndawo zokulima ezisemaphandleni.

Eli xhaka likagandaganda lisebenzisa i-injini ebukhulu buziilitha ezintathu ezikwaxhotyiswe ngeturbo yedizili ukuze ikwazi ukuba semandleni ngokufanele umsebenzi wayo.

Xa ibisakhiwa ikwalungiselelwe umqhubi ukuba naye azive amkelekile kuwo wonke lo msebenzi emasimini.

Iijaji ebezijonge iindidi zoogandaganda ebezingenele olu khuphiswano zithi iSteyr 4120 ihamba phambili ngokuba ivuleke ngokwaneleyo ukugcina umqhubi eziva onwabile xa esenza umsebenzi wakhe.

Umphakathi walo gandaganda ulungiselelwe ukuba umqhubi asebenze ixesha elide angadinwa okanye angenakudinwa.

Olu khuphiswano lasungulwa yinkampani yaseItaly iTraktori engumnikazi wephephancwadi yezolimo ephambili kwihlabathi. Ziintatheli zolimo ezizimeleyo ezingamashumi amabini anesihlanu ezithi zidlale indima yokuba ziijaji eziphambili kolu khuphiswano.

Ngeminyaka yoo1980 urhulumente waseTranskei wayakuthatha olu hlobo loogandaganda kwilizwe laseAustria ukuza kuqinisa inkqubo yokulima. Zazilima imini nobusuku ngaloo maxesha oogandaganda beSteyr kuba babebaninzi abantu ababefuna ukulinyelwa. Kunanamhla oku basekho abantu beMpuma Koloni abalima ngayo lo gandaganda.