Kutshanje uMongameli weli uCyril Ramaphosa, utyelele ilizwe laseTshayina nalapho avumelene ngezinto eziliqela eziquka ukunatyiswa korhwebelwano ngemveliso zolimo phakathi kwalamazwe mabini.
Kwesi sivumelwano sitsha la mazwe mabini athembisa ngokukhulisa iinkqubo zorhwebelwano ngemveliso zolimo eziquka ezobisi, uboya nezinye.
Kuthiwa kwesi sivumelwano kuza kukhuliswa ngamandla iinkqubo zokuthunyelwa kwemveliso zobisi zeli eTshayina, kuquka nemeveliso zoboya. Ilizwe laseTshayina kudala lithenga iimveliso zeli zolimo, kodwa ngoku kulindeleke ukuba kwandiswe ngamandla.
La mazwe mabini atyikitye isivumelwano esibhaliweyo sokuba kongezwe ezi mveliso zolimo zihamba phakathi kwala mazwe. Amafama weli athengiselana iimveliso zawo neendawo ezininzi kwihlabathi eziquka amazwe oMbindi Mpuma.
Ingxaki ezibangelwe sisifo somlomo nesifo seKhorona zibangele ukuhla kwezinga lonaniselwano phakathi kwamazwe ehlabathi ngemveliso zolimo. UFanie Fererra weMilk Producers Organisation uthi kuyabavuyisa ukubona intsebenziswano eloluhlobo phakathi kwala mazwe mabini.
”Oku kubonisa ukuba imveliso yobisi izakukhula ngamandla kweli loMzantsi Afrika, kuba kuza kufuneka ukuba sivelise ubisi olusemgangathweni oluninzi nolaneleyo,” kutsho uFererra.
UMongameli uRamaphosa uchithe intsuku kwelalizwe ethetha nabezoshishino namagosa aphezulu kurhulumento.
“Kuyasivuyisa ukubona ukuba ngenene ilizwe laseTshayina lizimisele ukungena ngamandla ukuthenga iimveliso zethu zolimo, kumele simqhwabele izandla urhulumente wethu,” uhambisa atsho uFererra.
UMphathiswa wezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli, uJohn Steinheissen uthi ngenene kuza kunyanzeleka ukuba amafama weli aqinise ukusebenza.
“Iizwe laseTshayina lelesibini ukuba nabantu abaninzi kwihlabathi, ukufumana ithuba lokuba sithengise kwela lizwe yinzuzo enkulu,” kutsho uSteinheissen.
Kulindeleke ukuba obu budlelane bunabe ngamandla phakathi kwala mazwe mabini ukusukela kunyaka ozayo u2025, itsho ingxelo.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8