Ibhunga iInternational Nut and Dried Fruit Council iqhube uphando olubonisa ukuba lihle ikamva kwimveliso yeMacadamia kwihlabathi ngokubanzi. Lengxelo ivela kanye ngexesha apho imveliso yeMacadamia kwihlabathi idibana nengxaki ezininzi ezibangela ukukhula kwelindongomane. Ithi lengxelo sisinye ekhulwini ipesenti yeMacademia etyiwayo ngabantu behlabathi jikelele xa ithelekiswa nezinye iimveliso ezingamandongomane.
Nangona kunjalo le ngxelo ithi iimveliso yendongomane leMacadamia inekamva elihle kwihlabathi kuba inamathuba amahle okukhula. Oluphando lugxile ngamandla kwixesha eliphakathi konyaka ka2012 ukuza kunyaka ophelileyo u2022. International Nut and Dried Fruit iqhuba uphando malunga neemveliso ezahlukeneyo zamandongomane rhoqo ngonyaka.
Minyaka le oluphando lugxila kwingxaki imveliso yamandongomane edibana nazo kwihlabathi ngokubanzi. Ukhula kwemveliso yeMacademia kuxhomeme ngamandla kwimithetho emiselwa ngorhulumente behlabathi kwakunye nenkxaso yabezoshishino, itsho le ngxelo. Ingxelo yonyaka ka2021/22 ibonisa ukuba iMacademia ihamba phambili ngokuba namathuba okukhula xa ithelekiswa namanye amandongomana.
Ilizwe laseAustralia lelona lihamba phambili ngokusebenzisa iimveliso zeMacadamia kwihlabathi, umntu ngamnye kwelalizwe usebenzisa imveliso zeMacadamia ezingaphezu kweKilogram ezilikhulu. Ngo2016 belingaphantsi kweli izinga lokusetyenziswa kweMacadamia kwilizwe laseAustralia.
Oku kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba liyenyuka ngamandla izinga lokuthengwa kweMacadamia kwihlabathi. Kwilizwe laseMelika kukwakho iimpawu zokunyuka kwamanani ethengwa ngawo iMacadamia. Lo funqu wokuthengwa kweMacadamia kulindeleke ukuba anyanzelise amafama ukuba avelise elindongomana nangaphezu kwesiqhelo.
Amazwe ahamba phambili kwihlabathi ngokuthenga imveliso zeMacadamia aquka iJamani,Fransi nelizwe laseBelguim. Uninzi lemithi yeMacadamia kwihlabathi ityalwe kumazwe aseYuropu,kodwa iyakhula imveliso yeMacadamia nakumanye amazwe ehlabathi.
Ilizwe loMzantsi Afrika lelinye kumazwe aseAfrika anikwa ingqwalasela ngokuvelisa iMacadamia eAfrika. IMpuma Koloni,Limpopo, Mpumalanga kunye nephondo laseKZN ngawo asele ebonakalise umdla wokuvelisa elindongomane linexabiso.
Ngemveliso zendongomane kwenziwa izinto zokuthambisa umzimba, ezolusu, ulwele kanti neendidi zezinto ezityiwayo.ISouth Africam Macadamia Growers Association ngumbutho olawula ukukhuliswa kwelindongomane kweli loMzantsi Afrika.
Ngamafama angamakhulu asixhenxe aqinisekiswe ukuba avelisa elindongomane kweli loMzantsi Afrika. Kutshanje kuvele ingxelo zokuba kukho iingxaki kwifama ezivelisa elindongamane eNcera kwiMpuma Koloni. URhulumente weMpuma Koloni walixhasa ngemali eliphulo ukuqalwa kwalo,kwaye lalisenza kakuhle kwintsuku zalo zokuqala.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023